Owolusa imfuyo waseLesotho ugwetywe ubomi ngokudlwengula

Inkundla yamatyala yaseBityi igwebe indoda egama linguMabula Ramatseatsana (44), ubomi engaphakathi ejele emva kokuba imfumanise enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu (15).

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA, uLuxolo Tyali ithi, le ndoda neyinzalelwane yaseLesotho neze ngokwelusa apha eMzantsi Afrika, yaqala ngokucela uthando kule ntwazana esithi mababenobudlelwane. Ixhoba laziphendulela ngelithi umdala akanakuyenza lonto.

Ixhoba lalibuya esikolweni lihamba lodwa kwilali iMqhekezweni kude kufuphi nedolophu yaseMthatha.

Ixhoba lafowunela ugxa walo limxelela ukuba usendleleni ebuya esikolweni kwaye kulapho le ndoda yamhluphayo. Ingxelo iqhuba ithi ngethuba bezakuwela umlambo, lo mmi wahlasela ixhoba waloyisa ngamandla elirhuqela ehlathini apho wafika walidlwengula kwaye emane elibetha ngenduku.

Oku kwenzeka ngoNovemba ka2021, libuya esikolweni ixhoba.

Ixhoba lahlangulwa ngugxa walo owayemfownele emxelela ngesi sidlwengu. Wababhaqa ehlathini kodwa sele emdlwengule.

Ngethuba kuqhuba eli ityala ezinkundleni eBhityi, le ndoda yavakalisa ukuba ityala ayinalo iliphika.

UAdvocate Luvuyo Komanisi waveza ubungqina bexhoba kwakunye nogxa wexhoba phambi kwenkundla obabuqokelelwe eThuthuzela Care Centre apho ixhoba lalisiwe khona liyokuvavanywa.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uqhwabele izandla abecuphi ngetyala kwakunye neThuthuzela Care Centre ngentsebenziswano nangolwazi oluqokelelweyo.