Isebe leZemidlalo lizibophelele kwakhona kwiEC Rugby Super 14

Isebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni seliqinisekisile ukuba itumente yombhoxo ekuthiwa yiEastern Cape Rugby Super 14 iza kuqhubela phambi njengesiqhelo. Oku kuvele emva kwentlanganiso ebiphakathi kwamagosa esebe nabaphathi beRugby Super 14 kwiveki ephelileyo ngomhla weshumi elinesixhenxe.

Alizidandalazisanga isebe izinto ezixoxwe entlanganisweni – kodwa, ngaphandle kwamathandabuzo, kuthethiwe ngemali ngoba bekukho amaqela angayifumananga imali yawo kunyaka ophelileyo.

Kule minyaka egqithileyo, isebe libinze ngemali esisigidi serandi (R1-million) ukuze itumente ikwazi ukuqhubela phambili. Abombhoxo baxhomekeka ekukhongozweni nguRhulumente ngoba umbhoxo wabantu abamnyama awunikwa nkxaso ngoosomashishini.

Ngekuba izinto ziyathembisa kwiSuper 14 ngoba umgangatho wombhoxo emabaleni ubuphucukile kunyaka ophelileyo. Amaqela athathe inxaxheba kweyona tumente yombhoxo enkulu eMpuma Koloni ebelishumi elinesithandathu – kodwa iqela elinye laye lakreqa kwangoko.

Akukacaci kakuhle ukuba mangaphi amaqela aza kubuyela kwiSuper 14 emva konyaka ophelileyo obunenani eliphezulu kuneshumi elinesixhenxe itumente eyaqala ngalo. Yintumente ebaluleke kakhulu embhoxweni waseMpuma Koloni ngoba inika abadlali amathuba okuziqaqambisa.

Abadlali abadlale kwiSuper 14 kunyaka ophelileyo baqikelelwa kumakhulu amathandathu (600) onke. UMphathiswa udibene namalungu ekomiti elawula iSuper 14 ngoba unoxanduva lokuqinisekisa ukuba abantu bafumana ithuba lokudlala umdlalo abawuthandayo.

“Ikomiti iza kubhengeza umhla wokuphehlelelwa kwesiqendu esitsha setumente nendlela ekuza kuqhutywa ngayo ngamaqela,” itshilo ingxelo ekhutshwe lisebe emva kwentlanganiso kwiveki edlulileyo. I’solezwe lesiXhosa libuze isebe ngeenxelo zamajelo eendaba ezithi kukho amaqela angekayifumani imali yetumente yonyaka ophelileyo.

Isithethi sesebe, uAtule Joka, sikhanyele ukuba kukho amaqela angekayifumani imali yawo. Emva kokuphumelela kunyaka ophelileyo, iEast London Police iza kukhusela indebe yayo kulo nyaka.