Kukhangelwa inkwenkwe yaseXhorha esele izintsuku idukile!

UAthule Zethe (15) waseNtlonyana eXhorha noduke nge-12 kaJanyuwari esiya emgidini. UMFANEKISO: SAPS

Yiveki yesibini engaziwa apho akhoyo uAthule Zethe (15), welali iMngazana eNtlonyana phantsi kwedolophu yaseXhorha.

Amapolisa abongoza intsebenziswano kubahlali balammandla ekukhangelisweni le nkwenkwe.

Ngokwengxelo ephuma kuLieutenant Siphokazi Mawisa ithi, uAthule wagqityelwa ngomhla we-12 kule nyanga esiya emgidini nongazange afike nakuloo mgidi kwakwiilali zaseNtlonyana.

Ngosuku awagqityelwa ngalo wayenxibe ibhulukhwe embala upinki, isilamba esimdaka ngombala sofele (brown leather jacket), umnqwazi onemigca emhlophe neegambutsi ezinyaweni.

Lowo unolwazi uyabongozwa ukuba atsalele uDetective Constable Lawrence Takayi wamapolisa aseXhorha ku-047 577 4508 okanye ku-073 833 4490 kungenjalo naku-08600 10111.