Amakhosi akrolonqwe ngenduku yiMamelodi Sundowns yathatha indebe!

Ziintshatsheli zeDStv Premiership ityeli lesixhenxe iMamelodi Sundowns. Oku kwenzeke emva kokuba ihlaze iKaizer Chiefs ngamagowuli amahlanu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obumhle eFNB Stadium. Akwazile ukunyamezela Amakhosi kwisigaba sokuqala esiphele kungekho nto ebhodini. Kodwa izinto ziye zaguquka kwisigaba sesibini ngoba iChiefs ibidlala ingaphelelanga. Ekugqibeleni, iintshatsheli zilume ongezantsi kwavela ikakade lazo. Amagowuli amahlanu aqinisekise ukuba iSundowns ithatha indebe isenemidlalo enayo esandleni.

Isiqingatha sokuqala somdlalo besisihle kakhulu. Omabini amaqela azamile ukudala amathuba nangona kungabangakho qela elibhalisayo ebhodini. Amakhosi aqale kakuhle ngokuhlasela esebenzisa uAshley Du Preez onamendu. UDenis Onyango, obengene endaweni kaRonwen Williams obephunyuziwe, uvale ibhola ebizanywe nguDu Preez emizuzwini yokuqala. Emva kwemizuzu elishumi, umdlalo uye watshintsha. Abadlali beSundowns bawuthathele kubo umdlalo futhi behlasela ngendlela yabo eqhelekileyo.

Ukuhlasela kwabo kuye kwakhokelela ekukhutshweni kukaMsimango odlalise kakubi uLucas Riveiro obesendleleni eya kuBruce Bvuma ezipalini. Kanti phambi koko, uMaema ubenethamsanqa lokunikwa ikhadi elityheli endaweni lelibomvu emva kokuxabela uChristian Saile embandeni. UBvuma uchithe iibhola ezimbini ezipalini ebekufanele zibeke phambili iSundowns ngamagowuli abalekayo. Nakubeni ibisukelwa – kodwa abadlali beChiefs badlale kakuhle kwade kwaphela isigaba sokuqala kungekho nto ebhodini.

Emva kokusukela iChiefs ngamandla kwisigaba sesibini, iSundowns ifumene igowuli elifakwe nguTashreeq Matthews emzuzwini wamashumi amahlanu ananye. Kudlule imizuzu embalwa, uMatias Esquivel ungene phakathi kwamadoda wayibeka emnatheni ibhola. Emzuzwini wamashumi asibhozo ananye, uMatthews ufake igowuli lakhe lesibini emva kokunikelwa ibhola entle nguMarcello Allende. Kanti yona iChiefs ifumene igowuli lokubika ngebhola efakwe nguMduduzi Shabalala ngepenela. Izikhonkwane zokugqibela zibethelelwe nguRibeiro noLorch ngamagowuli amahle. Iphumelele iSundowns ngamagowuli amahlanu kwelinye.