‘Wasishiya nelifa uSEK Mqhayi’

Ugqirha Andile Mafrika uthi zibubuvuvu iingxelo zokuba wathengisa ngesizwe umbhali wodumo wolwimi lesiXhosa uSamuel Edward Krune Mqhayi.

Oku kusemva kokuba imbongi etsha zintambo yaseBhayi uMzuvukile “Siswenye” Manxiwa egxeke esidlangalaleni eli gxibha lombhali laseMazimeni.

Ugqirha Mafrika uphendule oku ngethuba ebesisithethi esiphambili kumcimbi wokukhumbula uMqhayi ububanjelwe kwiyunivesithi yaseRhodes eRhini.

“Unguyise wemibongo, unina wenoveli, ikumkanikazi yembali, ikumkani yamabali angobomi babantu, umbelekisi wesizwe, unondaba, umfundisi ntsapho okwa ngumshumayeli,” ugadlele watsho uMafrika.

Uthi emva kwexesha elide wabhubha uMqhayi amazwi akhe asesisikhokelo sentlalo yabantu abathetha isiXhosa.

“Uxhobise abahlolokazi, wathuthuzela iinkedama wangena ngokomoya ngaphakathi kwisizwe ngombongo wakhe mhla ngesithwakumbe sokutshona kwenqanawa SS Mendi,” uthethe watsho uMafrika.

Igxeka uMqhayi le mbongi kweyeKhala ithe uMqhayi wathengisa ngesizwe logama wayethethelela ukungena kwenkolo yobuKrestu kwingcambu zentlalo yamaXhosa.

“Incwadi yakhe ethi Inzuzo andinqweneli nokuba ifundwe ngumntwana wam nabantwana babantwana bam, kuba yingqokelela nje yomsebenzi ojoliswe ukuthethela iinkolo zaseNtshona,” watsho uManxiwa.

Ukanti umsebenzi omhle weli gqirha laseNtabozuko uthethelelwa nayimbongi yakwaNomenti kuQoboqobo, uThenjiwe Manyakanyaka.

“Andikholwa ukuba umntu ongumXhosa othe wabangumKrestu ulahlekiswe kukufunda iincwadi zikabawo uMqhayi, ikwindalo yethu ukuzazela ukuba ukhona uMdali wezinto zonke, lonto ayizange ifundwe ezincwadini zikaMqhayi yimfundiso ekhoyo kwintlalo yethu,”ugadlele watsho uManyakanyaka.

Uhambisa athi uMqhayi nguye owaxelela isizwe ngezinto ezizayo kweli kwimeko yentlalo nakwezopolitiko ngokunjalo.

“AmaXhosa weli ixesha lokuphila kwethu azilahlekisa ngokwawo, uManxiwa makahlukane nokutyhola uMqhayi, akanatyala,” uthethe watsho uManyakanyaka.

UAfrika uthi uMqhayi ebengengomqingqwa owenziwe ngemfundiso zabanye abantu.

“Ebengaqingqwanga ngeziqinisekiso zokufunda, koko uzondle ngolwazi efunda, efunda de wafundisa nesizwe siphela, ngenene wasishiya nelifa uMqhayi,” utsho uMafrika.

Iyunivesithi yase Rhodes yenze isikhumbuzo ngempilo nobomi bukaSEK Mqhayi nge njongo zokunika imbeko lengqanga yombhali wesiXhosa.

Kaloku uMqhayi wazalwa ngomhla wokuqala kwinyanga yoMnga ngo1875, waza wabhubha ngowamashumi amabini anethoba kweyeKhala ngo1945, ingcwaba lakhe liseBerlin ngaseMonti.

Umququzeli walo mcimbi wokukhumbula uMqhayi UNjingalwazi uMhlobo Jadezweni uthi lo mbono waqala ngonyaka ka2014.

“Sineenjongo zokuba sikhule esi sikhumbuzo nokuba singaqhuba iveki yonke, kuthethwa, kukhunjulwa, kufundiswa abantu ngoMqhayi, kukwakho nombono wokuba kwakhiwe ilitye egameni lakhe lo mfo waseMazimeni,” uthethe watsho uJadezweni.