‘Wathengiswa ngabefundisi uNontetha’

uZalekile Jadi oyinkokheli emileyoi yenkonzo kaNontethaUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Ibandla lomprofethi wodumo wesizwe samaXhosa, uNontetha Nkwenkwe (1870-1935), lithi lo mprofethi wathengiswa ngabefundisi kubelungu ngenxa yesakhono sakhe awayesinikwe nguThixo.

Le nkosikazi yakwaNkwenkwe kwaKhulile, eQonce, yabhubhela eziseleni zamagwangqa amhlophe ePitoli emva kokuba yayityholwa ngokuba igula ngengqondo yaza yagcinwa apho.

Inkokheli emiyo yale nkonzo kaNontetha nanjengoko isaziwa, uZalekile Jadi, uthi lo mprofethi wathengiswa ngabefundisi beenkonzo kubelungu.

“Emva kokufumana umyalelo kaThixo waqalisa ukushumayela, abantu bashiya iiCawe zabo balandela yena, zasala zingenabantu iiCawa kulandelwa iziprofetho awayezinikwa nguThixo, wamangalelwa kusithwa uchitha iCawa kwaye ulahlekisa abantu, babemtyhola ukuba ugula ngengqondo,”utshilo uJadi okwangumzukulwana.

Ngenxa yezinto ezahlukileyo awayezithetha ngokuyalelwa nguThixo urhulumente weloxesha wafikelela kwisigqibo sokuba athunyelwe kwisibhedlele sabagula ngengqondo eBholofo ngonyaka ka-1918.

“Abakhonzi benkonzo yakhe bamlandela ukuya kumbona eBhofolo, abelungu bakruquka yilonto yokuba ebonwa ngabantu abaninzi, bamsusa eBhofolo bamthumela ePitoli, kulapho wabhubhela khona ngo-1935,” ucacise watsho uJadi.

Lo mprofethi yintombi yakwaNonkilana, eQonce, eyathi yazimanya ngeqhina lomtshato nonyana kaNkwenkwe uBhungu, owayesakuba yintshatsheli yehlabathi kumanqindi uVuyani Bhungu ongumzukulwana ncam kaNontetha.

“Mhla lafika ilizwi elimthumayo wayevela evenkileni, wafika ekhayeni wawa ngathi ngumntu ofe isiqaqa. Wavuswa ziintombi zakhe emva kwexesha elele wathetha amazwi athi: “hayi ukubona into wedwa”, wayalelwa nguThixo ukuba ayeke ukuthengisa utywala kuba wayephila ngokuthengisa utywala besiNtu, kwathwa makaxelele iiNkosi namaphakathi ukuba maziye ezinkundleni ziyokuvuma ityala elonakala kuNgqika noNtsikana, kuthwa ukuba iiNkosi ziyavuma uThixo wozibuyisela ilizwe lazo ziliphathe ngokwalo,” utyhondyothe watsho uJadi.

Emye yeentshumayelo zakhe kwisizwe ngelo xesha wayekhuthaza ukuba ilizwe lizile, amadoda angadibani nabasetyhini, iintombi zingendi, amakhwenkwe angayi esuthwini.

“Lo ibingumyalelo wexeshana elifutshane, kungelixesha ebesandula kuqala esithi ngenxa yokuba egqitywa kunikwa lo myalelo nguThixo kumele ukuba kuzilwe sisizwe ngokubanzi,” utsho uJadi.Ukuqala kwakhe le vangeli yabangela ukuba athengiswe ebelungwini uNontetha, wajikeleza kwiiNkosi zamaTshawe ezixelela ngomyalezo ovela kuThixo.

“Uyile kuNkosi Ngangelizwe Kama wamaGqunukhwebe, waya kuNkosi Ngangelizwe Matebese wemiDushane nakwiNkosi yaMandlambe uNkosi Nondwangu ebaxelela umyalelo kaThixo,”utsho uJadi.

Ingxelo ithi eziNkosi zalamnkela ilizwi likaThixo ngokushunyayezwa nguNontetha yanaba inkonzo yakhe emva koko kwezo zizwe.

“Isizukulwana sokuqala sale nkonzo besingayifundi iBhayibhile kuba ebesithi kubo uyibona ngokombono ixhonywe emthini onameva, wabaxelela ukuba abantwana abazakuphuma kubo ngabo abazakuyiphakamisa iBhayibhile beshumayela uYesu,” ucacise watsho uJadi.

Le nkonzo inebandla eKapa, eKysna, eGeorge, eBhayi, eMonti nakwezinye indawo zelizwe. Amathambo kaNontetha abuyela kweli leMpuma Koloni emva kweminyaka engamashumi amathandathu anesithandathu wathengiswayo ngonyaka ka-1998.

“Siwagrumbe saphinda sawangcwaba ngo-1998 amathambo wakhe phezu kwalo mlambo uMdiza apha kwaKhulile, sisashumayela kunanamhla oku sishumayela uYesu ophilisayo,”utsho uJadi.

UNontetha wabalixhoba ngokufanayo noEnoch Mgijima weNkonzo yakwaSirayeli.