AbakwaRAF bakumgaqo ofanelekileyo

Khawukhe ube nomfanekiso-ngqondweni womntu egaxeleka kwingozi yemoto, onzakale, aye kwingxowa-mali yeengozi zendlela (Road Accident Fund / RAF) asakuphuma esibhedlele.

Athi xa engena kwisakhiwo sabo adibane nomntu othi angamdibanisa negqwetha elinokuqinisekisa ukuba ufumana imali engaphaya kwanale ebenokuyifumana xa eziyela ngokwakhe kwaRAF. Nyhani naye umntu ajike, aye kweli gqwetha.

Lihambe ixesha, akayifumani imali yakhe okanye uyifumana seli incinci. Singakhuthaza nabani na ukuba akhe afunde esasibhalo sikwiphepha lesithathu kweli kwaye atyelele nekhasi labo lomnatha.

Kuphinde kubekho nomngeni kwa pha kule ngxowa-mali. Yingxowa engenamali. Yona kaloku iphantsi kwesebe lezothutho kwaye yenza imali ngomrhumo othi uthathwe kula mali yepetroli esiyibhatalayo. Ngenyanga bayayiqokelela imali epha kwiibhiliyoni ezintathu zeerandi.

Kodwa ufumanise ukuba imali abayibhatala abantu okanye kumabango abantu iye iyokutsho pha kwiibhiliyoni ezingapha kweshumi zeerandi qho ngenyanga. Noko, ayondlela yokushishina ke leyo. Izakuvela phi na le mali?

Uyakukhumbula ukuba iRAF yasekwa pha koka-1942, ngeminyaka yokuqala kwengcinezelo ngokohlanga kweli. Ayonto eyayisenzelwa isininzi okanye amahlwempu. yayiyinto eyayilungiselelwa abantu abaphangelayo nabanezithuthi.

Uninzi lwabo ngoko yayingabantu bohlanga oluthile kuphela. Kusakufika inkululeko kwabakho umasilingane, kwavuleka amathuba. Abantu baneemoto, abantu basebenzisa izithuthi zikawonkewonke kwaye amathuba okugaxeleka kwiingozi onyukile ngokonyuka kwenani lethu ezindleleni.

Kuyafuneka abakwaRAF bazigocagoze baxoze omnye umphini. Eyona ingalula kukufezekiswa kwalo mthetho uthi abantu bakuhlawulwa qho ngenyanga, hayi ngesithonga semali kanye ezakuthi iphele kwamsinya.

Oku kunganciphisa namathuba obuqhophololo nokutyelwa kwabantu iimali ngamagqwetha nabanye oohlohlesakhe abavuzela izinkcwe abantu abo bakwiingxaki. Siyalixhasa elinyathelo leRoad Accident Benefit Scheme Bill.