Iingxaki zoluntu

IINGXAKI: Ndingumhlali eMthatha, ndinengxaki ndicela ukucetyiswa ndinobhuti endamfumana Ku-2go. Lobhuti ndiyamthanda, Wabanjwa kodwa uyandithanda andifuni nova ngaye nanini uyandifowunela uthi xa ephuma ufuna sitshate ngoku ndinexhala ngathi nkanti lo bhuti undenza into yochitha sithukuthezi kuba esentolongweni kodwa ndiyamthanda. ndithini? mhlambi ndiyazi qhatha enkosi.

Impendulo

Molo sisi, xa ephuma lobhuti entolongweni nizophila kanjani? Xa ephuma uzakutshata ngantoni? Nizakuhlala phi?

Zizinto endicinga ufanele kukube uyazicinga ezo ngaphandle nje kothando ngoba uthando lona aluzenzi izidingo zomntu nezekhaya, nizoxabana ngenxa yezinto ezincinci kuba nijonge lento yothando qha.

Ukuba uchitha ixesha nesithukuthezi nalapho asinobanalo ulwazi sisi, qha wena thetha naye umve ukuba ezi zinto sendizibalule nizakuzenza njani umxelele ukuba ucinga ntoni ngaye nocingela uba uyakuqhatha kodwa andiqondi ukunikile izizathu ezinobangela ucinge njalo kwaye nabangekho trongweni bayalichitha ixesha lomntu nesithukuthezi bayasichitha ngomntu. Musa ukuhlala unexhala le nto engekenzeki ngoba awuzokwazi ukumthanda ngokwaneleyo umntu wakho. Enkosi.

INGXAKI: Ingxaki: mna ndinguhlali, ndicela ukubuza ndineqabane ndiyalithanda nalo litsho lithi liyandithanda kodwa kukho apho singavani khona. kuyakwazi udlula iiveki ezintathu singabonani. Mna andivi kamnandi xa ndimbuza uyathandana na uthi hayi isizathu songezi kum yintoni athi mna funa uzihlalela kwaye unento angayifunio le yoba kuthiwe hay kuye. akanayo indlela yothetha ndicela ucetyiswa.

Impendulo

Molo sisi, umntu lo wakho uvakala engumntu ongekafuni ukhula kwezothando. Kaloku abantu bayabonisana bavisisane ngento xa yena engafuni kucetyiswa ngo-hayi uyacaca nje lomntu ukuba akazimiselanga kukhula nakumamela iingcebiso ezivela kwisithandwa sakhe.

Xa engenandlela yakuthetha sisi nalapho akulunganga ngoba nibadala nobabini funeka nimamelane nihloniphane.

Uthando ke lona lubanzi kakhulu ayikokugonana qha nisebezelane kamnandi endlebeni ngako oko ndithi ndicela ukhe uzihlalele ucinge ukuba oluthando lulo na elikukholisayo, lulo elikwakhayo kwaye nakhane uzihluzele uba ufuna ntoni.

Uye kuthetha nomntu wakho umchazele ukuba wena ume ndawoni kwaye ufuna ntoni ukwenzela nibekane ezingqondweni nithandane njengabantu abadala nabanenjongo hayi le yomntu ongafuni hayi. Enkosi.

INGXAKI: Sisi ndinengxaki, ndingumntwana wentombi engendanga, xa ndandineminyaka eyi-6 ndathathwa nguTatam wandenzela imbeleko yakhe.

Umakazi wam wandithatha kuba engenantombi emzini wakhe wandikhulisela kuye enditha kumamam ndabiza lefani yomzi wakhe. Xa ndandifuna i-ID ndabiza ifani yomzi kamakazi,nabantwana bam ndabenzela ekatata iimbeleko.

Ngoku ndinengxaki izinto zam ziyamoshakala azihambi kakuhle tu ndithini? Phi? andazimntu ochazayo.

IMPENDULO

Molo sisi, qala ulungise into yefani yakho nokuba usebenzise ekamama wakho hayi eyomzi kamakazi wakho. Okwangoku andiboni idinga oosiyazi lento qha abantu abadala bangabe abathandi lento yokwenzelwa isiko likatata wakho kodwa uzibize ngefani yomzi kamakazi wakho.

Thetha nomakazi nomama wakho ubacele mhlawumbi ukuba niyavumelana ungaphela usebenzisa ekatata wakho ukuba kuyenzeka kodwa hayi eka makazi.

Ungazama ukuya kwiicawa zomoya noko phaya bayakwazi ubona kwaye nento yesiko abayichasanga.Enkosi.

Ingaba unengxaki kwintlalo okanye isijolo ongathanda sikucebise ngaso? Sithumelele umyalezo kuWhatsapp

wethu: 063 734 1944