Ningayiyek`intaka ide igwanye!

IsiXhosa simnandi, kunjalo nje sinambitheka kangangokuba kude kungabi lula nokusitolika! Uthi umntu nokuba sele ezama ukusiguqulela kolunye ulwimi, okanye azame ukusitolika, sisuke singabi nayo le ncasa ivakala kamnandi ezindlebeni zalowo umameleyo!

Intetho eyalayo nexhobisayo kwabo bathanda ukuyiyeka into embi iqhubekeke banganqandi, okanye intetho ebonisayo kwabo bathanda ukuhlala phezu kwengxaki bangayilungisi kude konakale ngakumbi, yileyo ithi “ningayiyeki intaka igwanye, hleze ingaxhwitheki!” Bambi bade basebenzise naleyo iqhelekileyo intetho, yona ithi, intaka evuka mva ikholwa zizagweba. Ezi ntetho zibhekisa kwabo bathanda ukuziziliza nokusuka kade ekulungiseni nasekwenzeni izinto.

Oku kuyala nokuxhobisa kwezi ntetho ndithi xa ndikucingisisa ndikuhlafunisisa kule ngqondwana yam ithande ukugqola mva nje, ndikwayamanise nemeko yemfundo enomsila kweli lizwe.

Kaloku ukusukela kula mnyaka ka-2015, rhoqo kwisigaba sesithathu nesesine sonyaka, abafundi bamaziko emfundo enomsila bangena nzulu kumzabalazo wemfundo esimahla, dabi elo libizwa ngokuba ngu#Fees must fall, ngokolwimi lwasemzini. Mva nje eli dabi liya likhula, liyanwena, kangangokuba lide laquka neminye imiba engundoqo eyambethe imfundo ngokubanzi kwilizwe lethu nakwizwekazi ngokubanzi.

Le miba ibandakanya ukulwelwa kwegunya lokuqeshwa kwabasebenzi bamaziko emfundo ukuze basebenzele baze bahlawulwe ngamaziko abasebenza kuwo endaweni yeenkampani zabucala ezibaxhaphazayo, ukuzuza imfundo egxila kwingqiqo yobu-Afrika, endaweni yale bayifumanayo igxile kwingqiqo yobukoloniyali nemigaqo-nkqubo yaseMelika naseYurophu, bakwalwela neenguqu nomakulingwane kumaziko emfundo, kuba uvakalelo lelokuba umntwana nomntu ontsundu usaxhaphazeka ngenxa yebala lakhe kumaziko amaninzi emfundo enomsila!

Mandiphinde ndinikhumbuze, ndithi minyaka le, ukusukela kumnyaka ka-2015, abafundi rhoqo kwikota yesithathu okanye yesine yonyaka, bazibandakanya kwidabi lokulwela ezi zinto ndizikhankanya ngentla apha.

Ingxaki endinayo ke inye, yile yokuba iziphatha-mandla zeSebe leMfundo ePhalamileyo, iziGqeba zolawulo kumaziko emfundo enomsila, amashishini amakhulu ekumele axhase imfundo, kunye nabazali, balinda kude kuqalise ugwayimbo, balinda kuqalise uqhankqalazo lwabafundi phambi kokuba babe nokucinga ngezisombululo zazo zonke ezi ngxaki ngoku bezazi.

Ingxaki kukuvuka mva ngoku besazi ukuba oko kuvuka mva kungeza nomvuzo wokudliwa zizagweba. Ingxaki kukuhlala beyiyeka intaka ide igwanye, kuphele kunzima nokuyixhwitha! Kuni magosa aseburhulumenteni ajongene neSebe leMfundo ePhakamileyo, kuni bazali, kuni ziGqeba zolawulo kumaziko emfundo enomsila afana neeYunivesithi kunye neeYunivesithi zobuGcisa, kuni zinkampani zoshishino, kuni batyali mali, nakuni banokunikeza ngenkxaso-mali kubafundi abasokolayo nakubafundi abasuka kumakhaya ahlelelekileyo nabangakwaziyo ukuhlangabezana nentlawulo yemfundo enomsila, elam lithi vukani emaqandeni abafundi bengekaqhankqalazi.

Elam lithi khanihlale phantsi nicingisise ngeendlela zokuhlangabezana nezidingo zabafundi bengekathi dolo phezulu, bengekathi asinavalo, asinavalo, sisebenza kanzima, kuba ukuba bavuliwe, ukuba kuhlelwe etewini, ukuba le meko ibethwa ngoyaba bade bavuke abafundi, kwakubagoso okophukayo ndiyanilumkisa!

Qalani kwangoku nijonge iindlela zokwenza iinguqu kumaziko emfundo enomsila ukuze abafundi bazo zonke iintlanga bazive bephathwa ngokulinganayo.

Ukuba anikaqalisi ngophando-nzulu lokwayamanisa imfundo nemigomo kwanengqiqo yobuAfrika, ncedani niqalise ngokukhawuleza ukuze xa abafundi beqalisa ukuqhankqalaza nokudlulisa amaxwebu ezikhalazo, nibe nibabonisa ngezicwangciso zenu, zicwangciso ezo ziza kuchaza kakuhle ngendlela yokukhawulelana nokufezekiswa kwemfundo evakalisa udumo lwe-Afrika, mfundo leyo igxile kwingqiqo yobu-Afrika.

Ukuba ninomnqweno wokungahlisani ninyusana nabantwana benu, yilani amacebo okuhlangabezana nemfundo engahlawulelwayo okanye imfundo efikelelekayo.

Kungani na ukuba iinkampani zoshishino kuquka nezo zemigodi yezimbiwa, kunye nabatyali-mali benganikezi ngenkxaso-mali yezemfundo kubafundi?

Kumazwe ahamba phambili kwezemfundo nanabemi abafunde phantse bonke, kudala iqhubeka le meko yokuxhaswa kwabafundi ngemali yemfundo, bexhaswa ngabatyali-mali, ukuze abo bafundi xa sele bephangela, bayibuyise ngezavenge ezifikelelekayo loo mali, kwaye bayibuyise kwixesha eliqingqiweyo.

Ngolu hlobo, bayasinda kwinzala exhaphazayo yeebhanki neyemibutho yemali-mboleko yemfundo, neqikelelelwa phakathi kwama-35 ukuya kuma-40 eepersenti. Ukuba senza ngolu hlobo, imfundo ingaqhubekeka ngaphandle kweziphazamiso ude ufikelele esiphelweni unyaka, ukuba senza ngolu hlobo, sakube sihlaba sikhangele, siyaqula siyahlanganisa, endaweni yokulala emqokozweni side sidliwe zizagweba, endaweni yokuziziliza side sigwanyelwe yintaka sixakwe nakukuyixhwitha!