UMzantsi Afrika ucing’ ukuziguzula kwi-ICC

Omar al-Bashir waseSudan. Umfanekiso: AP

Ilizwe loMzantsi Afrika liyiphindile eyokuba uMongameli waseSudan uOmar al-Bashir wayeseMzantsi Afrika ngesimemo seManyano yaseAfrika (African Union), ngoko ke eli lizwe lalingenokwazi ukumbamba nanjengoko efunwa yinkundla yehlabathi ngamatyala okunyhasha amalungelo oluntu lwaseSudan.
 
Oku kuza emva kokuba inkundla yehlabathi (ICC) eThe Hague eNetherlands igwebe ngoLwesine ngelithi uMzantsi Afrika unyhashe imiqathango nezibhambathiso onazo nale nkundla yehlabathi kulandela ukusilela ekubambeni uAl-Bashir ngethuba wayezimase indibano yeManyano yaseAfrika kweli lizwe ngo2015.
 
Ngokwesigwebo esithiwe thaca yile nkundla, kufumaniseke ukuba uMzantsi Afrika, oyinxalenye ne-ICC, wayefanele ukuba umbambile uAl-Bashir, ukuze ayokujongana namatyala okunyhasha amalungelo oluntu.
 
Usihlalo wekomiti yasepalamente phantsi kwesebe lezobudlelwano bezehlabathi nentsebenziswano uSiphosezwe Masango uthi le komiti ikholelwa ukuba uMzantsi Afrika wenza okusemdleni weAfrika ngokungambambi uAl-Bashir.
 
“Ukuba esi sigwebo sigxininisa kwelithi uMzantsi Afrika kwakufanele ukuba umbambile uMongameli waseSudan, lo nto ithetha ukuba urhulumente woMzantsi Afrika kufuneka abemaxhaphetshu aziguzule ngokukhawuleza kwi-ICC,” utshilo uMasango.