Banqongophele abantsundu kushishino lwezilwanyana zasendle

UMnu. Tirhani Mabunda ongumthengisi, ethengisa izilwanyana zasendle eFish River Sun ePort AlfredUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Abantu abantsundu basabonakala benqongophele kwiindibano ezimalunga noshishino lofuyo-zilwanyana zasendle, beshiya elishishini leebhiliyoni ngeebhiliyoni zeerandi kubantu abamhlophe.

Oku kubonakale kwifandesi yentengiso yezilwanyana zasendle ebibanjelwe eFish River Sun ePort Alfred kuMgqibelo womhla weshumi kule nyanga, apho iArhente yezoKhenketho neMiyezo yaseMpuma Koloni (Eastern Cape Parks and Tourism Agency [ECPTA]) ibithengisa izilwanyana ezifana neenyathi, zebra, amaxhama (eland), bontebok nezinye.

Njengoko kuhlala kusenzeka, le fandesi ibigutyungelwe ngabantu abamhlophe ingabo abathenga ezi zilwanyana.

Ingqonyela yeECPTA uVuyani Dayimani, uthi bayiqaphele into yokunqongophala okanye ukungabikho kwabantu abamnyama kolu shishino. “Imbali yethu isixelela ukuba ushishino lofuyo-zilwanyana zasendle belusoloko luxhanyulwa ngabantu abamhlophe. Lo nto ixhomekeke kuthi njengorhulumente kwakunye noshishino ngokubanzi ukuncedisa ukuba itshintshe le meko.”

“Ukuze luzinze ushishino lofuyo-zilwanyana zasendle kufuneka luxhamlise wonke umntu. Yiyo lo nto apha kwaECPTA sineenkqubo zethu zokuxhamlisa abo banomdla kolu shishino ngokuthi sibanike izilwanyana kwakunye nenkxaso,” utshilo uDayimani.

Abafuyi bezilwanyana zasendle benza imali kolu shishino xa abakhenkethi besiya kulala kwimiyezo ngeenjongo zokubuka ezi zilwanyana. Kwakhona, imali kolu shishino yenzeka xa abafuyi bethengisa izilwanyana ezi okanye xa kufika abazingeli baphesheya kweelwandle. Phambi kokuba angene kumyezo lowo umzingeli, uhlawula imali kumfuyi.

Ukanti ezimbalini, kwifandesi yalo nyaka iECPTA ithengise inkunzi emhlophe yexhama (Eland) ngeR60 000.

UDayimani uthi ixabiso lenkunzi yexhama, ngamaxesha efandesi karhulumente, libaphakathi kweR10 000 neR15 000. Ngokwendalo, ixhama linombala olubhelu kodwa le nkunzi ithengisiweyo ibimhlophe – into ethetha ukuba luhlobo olungaqhelekanga nolunqabileyo kuba, ngokokutsho kwabafuyi, ambalwa kakhulu ehlabathini amaxhama amhlophe.

UDayimani uthe: “Ukuthengisa esi silwanyana ngeR60 000 kusothuse kakhulu, yimbali kuthi le kuba siyaqala ukuthengisa inkunzi ye-Eland ngale mali. Into ebangele ukuba sicinge ukuba masisithengise esi silwanyana kumyezo wethu oseGreat Fish [kufuphi neRhini] kukuba sifuna ukuzigcina ngendalo yazo [zilubhelu], kuba le nkunzi ibiza kutshintsha umhlambi ubemhlophe.”

Inxalenye yemali yeenyathi ezikumyezo oseGreat Fish, ezithe zathengiswa kule fandesi izakunceda ukuphuhlisa intlalo yoluntu lwaseDouble Drift eDikeni.

Kule ntengiso uluntu lwaseDouble Drift lufumene imali engange-R113 000. Uluntu lwale ndawo lwasuswa ngenkani ngoontamo-lukhuni ngexesha localucalulo, lwathathelwa umhlaba apho kwathi kwakhiwa umyezo wezilwanyana.

Xa kungena urhulumente wentando yesininzi, uluntu lwaseDouble Drift lafaka ibango lomhlaba phantsi kwendibanisela iLikhayalethu Communal Property Association.

Usihlalo weLikhayalethu uMxolisi Ngesi, uthi le mali izakunceda ukuphuhlisa uluntu lwendawo yabo. UNgesi ukwaxelele I’solezwe ukuba kungekudala bazakuqala ishishini lokufuya izilwanyana zasendle emva kwenkxaso abayifumene kwiECPTA.

Kusenjalo, esona silwanyana sixabise imali ethe xhaxhe kule fandesi yinyathi ethengiswe nge-R111 000. AbakwaECPTA benze imali engange-R4.4 yezigidi zeerandi kule fandesi. Enye kule mali izakusiwa kwiSouthern African Wildlife College.