Bazakuvana amandla kwinkomfa yeANC

Lubabalo Oscar Mabuyane, kugqatso lokuba ngusihlalo

UMabuyane uzalelwe eDebera eNgcobo. Phambi kokuba onyulwe njengonobhala weANC kweli phondo, uMabuyane ukhe wayinkokeli kumacandelo ohlukeneyo kulutsha lweANC apho kuquka ukuba nguMongameli weSRC kwiYunivesithi iFort Hare.

Kwinkomfa eyayibanjelwe eRiver Park kwisixeko saseMonti ngo2009, uMabuyane wonyulwa njengonobhala, sikhundla eso asasibambe kunanamhla oku, kulandela ukuphinda onyulwe kwinkomfa yalo mbutho eyayibanjelwe eBhayi ngo2013. UMabuyane waziwa kakhulu ngokuthetha phandle xa kukho iyantlukwano okanye into engahambi kakuhle ngaphakathi kumbutho iANC.

Lulama Ngcukayitobi, kugqatso lokuba ngunobhala

UNgcukayitobi ngunobhala weANC kwingingqi iOR Tambo, eyona ngingqi yalo mbutho iyeyesibini ngobukhulu kwilizwe liphela.

Phambi kokuba ngunobhala waseOR Tambo, uNgcukayitobi ukhe wakhokela iANC eKing Sabata Dalindyebo nalapho wayekwangunobhala.

Phaya ekuthambekeni kweminyaka yoo1990, uNgcukayitobi wayekwisigqeba solawulo kwiANC Youth League kwingingqi yommandla waseOR Tambo.

Mlungisi Mvoko, kugqatso lokuba ngusekela sihlalo

UMvoko ngusihlalo weANC kwingingqi yeSarah Baartman, isikhundla awonyulwa kuso ngonyaka ka2012, ebetha uGugile Nkwinti ongumphathiswa wophuhliso lwamaphandle.

Ngaphambili, uMvoko wakhe wanguSodolophu kumasipala wesithili iCacadu, ingingqi esele ibizwa njengeSarah Baartman ngoku.

Ngaphambili, uMvoko wayeyinkokeli yombutho weetitshala iSadtu kweli phondo.

Helen Sauls-August kugqatso lwetyeli lesithathu lokuba ngusekela nobhala

USauls-August wazalelwa eSchauderville eBhayi emva koko wayokufunda eTinarha, apho umdla wakhe kwipolitiki uqale khona.

Sithetha nje ungusekela nobhala kwiANC eMpuma Koloni, isikhundla awonyulwa kuso kwinkomfa yephondo ngo2009. USauls-August ukwangumphathiswa wokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni.

Kummandla waseNelson Mandela Bay, ingingqi yakhe, uSauls-August waziwa njengetshantliziyo leANC elidlale indima ekukhuliseni lo mbutho.

Babalo Madikizela, kugqatso lokuba ngunondyebo

UMadikizela uzalelwe eMbizana. Sithetha nje uMadikizela, okwangusomashishini, ungunondyebo weANC kwingingqi iAlfred Nzo, isikhundla angene kuso ukusukela ukonyulwa kwakhe ngonyaka ka2014. UMadikizela ukhe walilungu elikwisigqeba seANC Youth League kwiphondo leMpuma Koloni.

Phambi kokuba ngunondyebo, uMadikizela ukhe walilungu lekomiti ekwiqoqo lokujongana nemicimbi yeANC eAlfred Nzo.