Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Camagu! ndiphuphe ngomyeni wam kunye nam sisenza izitena zodaka. Ede emane esithi umyeni wam kum, kudala ndikuxelela ukuba ndizokwakha umzi, ndiyakha ngoku, nam ke ndabe ndonwabile ndivuyele lo mzi uza kwakhiwa. Ingabe lithetha ntoni eli phupha?

Inkcazelo: Ukuba aninamzi ungowenu lifikile ixesha loko. Ukanti khumbula ukuba izitena zodaka yinto yakudala kakhulu, ookhaya-khulu bethu, apho abo basizalayo baphuma khona, babenziwe ngezitena zodaka. Utata makakhe athabathe iintonga hleze kuthi kanti ukhaya-khulu wakhe waba linxiwa kwaye kufuneka evuswe nguye.

Iphupha: Ndiphuphe ingathi ndiphuma kwindlu ebendikade ndihleli kuyo ndiya phandle. Ukubuya kwam, ndibuye ndivale umnyango ongezantsi.

Ndihambe ndiye kwela gumbi bendikade ndihleli kulo. Hayi ke ukufika kwam kwelo gumbi kukho umama ongathi umdala eleli phantsi. Lo mama ingathi uthanjiswe mhlophe, unalo nekhandlela elinye elimhlophe phambi kwakhe.

Ndifika ndothuke, ndikhwaze naye othuke akhale isikhalo esikrakra ngokungathi ubhujelwe. Ndiyaphuma ndibaleke, ingathi naye uyabaleka uneentloni. Liphela apha iphupha lam, ndivuka ndothukile.

Le ndlu bendikuyo ephupheni ingathi yiflati yasezilalini kodwa indikhumbuza indlu yasekhaya ingekagqitywa ukwakhiwa. Ndivuka ndothukile emva kweli phupha, nomama akakwazi ukulihlalutya eli phupha. Kanindincede tu.

Inkcazelo: Camagu. Umama lowo ngunyoko-khulu kwaye akaxolanga konke konke. Kuyacaca ukuba kukho le nto ingahambi ngendlela okanye umsebenzi awufunayo kuwe. Imbola leyo isebusweni bakhe iyachaza ukuba ibingumntu obenobizo lobugqirha. Chosi.

Iphupha: Ekuzeni kokusa ixesha ngu-02:10 ukothuka kwam, umhla ngowe-29 kuCanzibe 2017, ndiphupha ndise khaya, ndihleli notata wam ongasekhoyo kunye nomkhuluwa wam osaphilayo ke yena.

Kukho iibhokhwe ezimbini ezisegadini yasekhaya, enye ibhokhwe ngathi izakwenza imbeleko yekrwala lalapha kulo mzi simelene nawo. Lo mzi ngowaseMazizini nawo.

Ndiye ndathatha enye yezi bhokhwe, ndayisa kulo mzi, ndandula ukuza kubiza utata apha ekhaya, ndimxelela ukuba ndiyisile ibhokhwe kowayo.

Uthi utata xa ephakama ukuba esiya kuqalisa lo msebenzi wakulo mzi simelene nawo: “Ingaba kuza kuthetha mna na apha xa kuza kuhlatywa le bhokhwe?” aphendule ubhuti esithi hayi hlala, yeka kuye mna.

Ndothuka, ndajonga ixesha labe lisithi 02:10 ekuseni namhlanje.

Inkcazelo: Camagu Mntomdala. Andizokuwenza made, yenzani imisebenzi yekhaya kuyacaca ukuba mininzi imisebenzi engcangileyo efuna ukwenziwa. Thabathani iintonga niye emntwini ozakuninceda ekuhleleni le misebenzi ngokulandelelana kwayo. Chosi!

Iphupha: Ndicela ukuhlalutyelwa eli phupha liyandihlupha; ndiphuphe ngathi ndileqwa ngumyeni wam ufuna ukundihlaba kuba esithi ndikhupha isisu, ndibulala umntwana wakhe, phofu ndiyenza qho le nto yoba ngathi ndiyazikhupha, ndibaleke ndihamba ngaze ndiyokungena ebuhlanti, ndikhwele phezulu kwepali, ibengathi ndilunywa yinja okanye igusha ayicacanga le nto, ndibe ndikhala, wabe esiza lo myeni wam naye ekhala endikhwaza, ndothuke ndikhala, ndicela umhlahla-ndlela.

Inkcazelo: Ingxubakaxaka ikho apha emtshatweni wenu, kwaye kuyacaca ukuba le nto ibandaka izihlwele zamakhaya enu nobabini. Le nto kusenokuba yingxaki kwindlela enahlangana ngayo.

Ngamanye amaxesha siye sinyanzelise nangona kuvakala ukuba umoya weminyanya uyala. Olu ke lungquzulwano lweminyanya, wena thabatha iintonga ukhe uyowusabela kakuhle lo mba kooSiyazi.

Iphupha: Ndiphuphe ndikhuthuzwa.

Inkcazelo: Iphupha elinjalo lisisilumkiso kuwe, kuyacaca ukuba wena isandla sakho akusivuli nangona amanyange akowenu ekukhusela kwizinto ezininzi, wena awenzi nto ngalo nto ihlobo lokubabulela.

Uzakuphulukana nazo zonke ke izinto ezintle onazo ukuba awenzi mbulelo kubo. Camagu!

Iphupha: Ndiphuphe ndinikwa inyama ngabanye oomama baselalini.

Inkcazelo: Yinto engahlambulukanga leyo. Khumbula, ukutyiswa into emathongweni kunomthelela ombi kuwe wena mphuphi. Oku kungaphuma nodlolwazana.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538