Uhanjwa ziimpethu ngenxa yesigulo uPhiliswa

UPhiliswa Ngcokhwe akafumani ncedo ngesigulo esingaqhelekanga

Ugcuma ziintlungu engenamthetheleli uPhiliswa Ngcokhwe waseNdevana, emva kokugxothwa kumaziko empilo exelelwa ukuba alukho uncedo lesigulo sakhe.

Le ntwazana inesimanga samaqhakuva abukhulu bungangenqindi, kwaye akhula imihla ngemihla emva kokuba ethe wawakrwempa.

“Ekliniki apha eNdavana ndathunyelwa esibhedlele saseMakiwane, phaya ndaxelelwa ukuba ayaziwa ukuba yintoni le ndinayo, ugqirha wandixelela ukuba izakuphela le nto mandigoduke,” ucacise watsho uNgcokhwe.

Lo mguli uthi xa litshisa ilanga kuphuma iimpethu kula maqhakuva eqaqamba ngokungaqhelekanga. “Ukuba kuyabanda ayaqaqamba akulaleki, xa kushushu ndihanjwa ziimpethu apha emzimbeni ngenxa yala maqhakuva, akukho neyeza endilityayo ngoku ukuzama ukuthintela ukukhula kwawo,” uthethe watsho.

Ingxelo yombutho wezizwe ezimanyeneyo kwicandelo lezempilo (WHO) ithi bangaphezu kwezigidi ezithathu abantu abagula sesi sifo ehlabathini. Unina weli xhoba uEsther Ngcokhwe, uthi ukhathazekile yimpilo yentombi yakhe engaguqukiyo ngenxa yamaqhakuva anobungozi.

“Lo mntwana uqale ukuba nale ngxaki phaya ngonyaka ka2003, kudala sihamba koogqirha, eyona nto siyifumanayo kukuba asaziwa ukuba siyintoni esi sifo kwaye noncedo lwaso alukho, uyakhala xa imqalile le nto kutsho kungabikuhle nalapha endlwini,” utsho uNgcokhwe.

Izibhedlele eziquka iCecilia Makiwane zimnika iipilisi zokuthomalalisa iintlungu kuphela, kwaye oku akwenzi mahluko kule ngxaki, itsho ingxelo. Ngenxa yokulahlekelwa lithemba, eli khaya licela nabani onokuza noncedo olunokunceda impilo kaPhiliswa ukuba eze ngaphambili.

Ezi ngqekembe zamaqhakuva zingxamele ukugcwalisa umzimba nanjengoko sele zivale iindlebe zombini. “Iindlebe zam ziyaqaqamba ngelinye ixesha andiva xa kuthethwa,” utsho uPhiliswa.

Emva kokuxelelwa ukuba akukho nto inokwenziwa esibhedlele eMakiwane, uPhiliswa uhleli ekhaya elinde uncedo angalwaziyo ukuba lizakuza nabani. Isikhumba sakhe sibonakala siphilile, kodwa amaqhuma angamaqukunya ayaqhubeka ukukhula emzimbeni wakhe.

Isebe lezempilo kuquka nesibhedlele sase Cecilia Makiwane abafumanekanga ukuziphendulela kwezi zityholo zokugxotha elinenekazi.