Ulutsha likamva lesizwe

Mlisela nomthinjana wezwe lakowethu,

Ndithi mandibhodle njengembongi,

Ndishukunyiswa yinto,akuvumi ndithule,

Imbongi iqumbile ,imbongi ikhathazekile,

Imbongi inoloyiko ,imbongi iyatyhwatyhwa,

Imbongi ikhathazwa lixesha esiphila kulo,

Imbongi ikhathazwa yintsha yanamhlanje,

Kungaqumb’imbongi yazini kunyembelekile,

Kungatyhwatyh’imbongi yazini konakele,

Qab’ixhala imbongi ayilolutsha,

Akubi nje xa kuzakulunga.

Ndikhathazwa lulutsha olungenankathalo,

Ndikhathazwa lulutsha oluzigxagxisayo,

Ndikhathazwa lulutsha olungenamonde,

Ndikhathazwa lulutsha olungenamaphupha,

Ndikhathazwa lulutsha olungacingiyo,

Ulutsha lwanamhlanje lucinga phambi kwenyawo,

Ndikhathazwa lulutsha olunekamva elimfiliba ,

Ulutsha lunamandla qha alunamdla,

Ulutsha luhlakaniphile qha aluhlaziyekanga,

Ulutsha malukhuthale lungakhuthuzi,

Sinqwenel’amagorha hayi amathongorha,

Sinqwenela iingangamsha hayi oongantweni.

Ulutsha lwanamhlanje lufun’ukukhongozwa,

Ulutsha lwanamhlanje lufun’ukukakazwa,

Ulutsha lwanamhlanje lufun’ukutatanyiswa,

Ulutsha lwanamhlanje lufun’ukuteketiswa,

Vukani bantw’abatsha niyeke ukulal’emqokozweni,

Izwe lelenu, izwe linini ,

Eli ilizwe lisentendeni yesandla somntu omtsha,

Zizakuhamba iingwevu neengwevukazi kusale izifede,

Zizakulala izisele zombiza kusale izidodo,

Inyathi ibuzwa kwabaphambili.

Vuka mnt’omtsha uyeke ukuhlal’ezimbarheni,

Vuka uhlaziye ingqondo yakho kusekusasa,

Vuk’uqhakaze icekwa lilele kuwe,

Vuka musa ukuzenza inqenerha,

Ukuzala umhla nezolo ayisosisombululo,

Qiqa qhawe langomso uliqhayiya lesizwe,

Sulibala ngengculaza engumceli-mngeni,

Mavilandini funan’ubulumko nasembovaneni,

Masiyenze imfundo ibesefashonini ,

Vuk’uzenzele ungalindi ukukhongozwa ,

Ukukhalaza akuncedi.

Amathub’emisebenzi anqongophele kodwa ayonto esakulala sitye yona leyo,

Iingqondo zethu maziphale kuba ziphangalele,

Iingcinga zethu mazinabe sizokuzingca ngomso,

Imibono mayibe khona ngekusasa ,

Ikusasa lenu liqhakazile ntonj’inkathalo ayikho,

Utywala abuyonqwelo abusi mntu ndawo,

Iziyobisi ziyayidodobalisa ingqondo yentsha,

Masimenze uTsietsi Mashinini azingce ngolutsha lwanamhlanje,

Masimenze uHector Peterson abenelunda ngolutsha,

Ulutsha luka 1976 lungalila xa lunganibona ninje,

Masizikise ukucinga sivuke necebo ,

Izwi lo mntu omdala alidliwa nja,

Andishwabuli nto nje ndiyashwankathela,

NdinguNodeliqabaka umbhali-sihobe,

Ikamva leli lizwe lisezandleni zomnt’omtsha.