UHlatshwayo nguKapteni omtsha weBafana Bafana

Thulani Hlatshwayo of South Africa during 2018 World Cup Qualifiers match between South Africa and Senegal at Peter Mokab Stadium, November on the 12 November 2016 © Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi omtsha weBafana Bafana, uStuart Baxter, ukhethe umdlali odlala emva kwiBidvest Wits njengokapteni osisigxina kwiqela lesizwe. UThulani Hlatshwayo uzakukhokhela iBafana Bafana xa idlala neNigeria kumdlalo wokuzibekela indawo kwi’2019 Africa Cup of Nations ngoMgqibelo.

Emva kokukhokela iBidvest Wits iphumelele indebe ephambili, uHlatshwayo ubonwe njengoyena mdlali ofanelekileyo ongakhokela iqela lesizwe. Abadlali beBafana Bafana bagaleleke izolo enkampini – apho baphekwa besophulwa phambi kowona mdlalo ubalulekileyo kule mpelaveki. UBaxter wabhengeza iqela lakhe kwinyanga edlulileyo – kodwa zange alibhengeze igama likakapteni wakhe. Namhlanje uBaxter ucacise ezona zizathu ezikhokelele ekuchongeni uHlatshwayo.

“Ibhanti likakapteni kufanele lihlonitshwe kwaye libe kumdlali omnye, hayi abadlali abaninzi. UHlatshwayo uzakuba ngumkapteni osisigxina,” utshilo uBaxter kuTwitter weSafa.

Lo mqeqeshi obefudula eqeqesha iKaizer Chiefs kwiminyaka edlulileyo uthe uTyson unazo zonke iimpawu zokuba yinkokheli, ukhokhela ngokukuko, ukudlala kwakhe rhoqo kwiWits namava wakhe kwiqela lesizwe zezona zizathu ezibangele akhethe uHlatshawayo.

ULebogang Manyama, Andile Jali, Tukelo Rantie, Tiyani Mabunda, Aubrye Ngoma, Rivaldo Coetzee no-Eric Mathoho bonke bafumene ukwenzakala kodwa basabhilwa-bhilwa ngoogqirha beBafana.