Inkitha esibhedlele emva kwengozi yebhasi kuCentane

 

Ingozi yebhasi yakwa-AB 350 eshiye inkitha yabantu bonzakele kuCentane ngoMgqibelo, iphinde yabeka elubala ukhuseleko lwabakhweli basezilalini kolu hlobo lwebhasi.


Le bhasi ibikwindlela esuka edolophini eGcuwa idlula kuCentane isingise eQholorha. Isithethi sesebe lezothutho eMpuma Koloni uKhuselwa Rantjie, uthi umqhubi uphulukene nolawulo lwale bhasi, emva koko yakhalala umgaqo yayokufohleka emaweni. Abantu abangamashumi amahlanu bafumene umonzakalo logama abasixhenxe bonzakele ngokumasikizi. 


Abonzakeleyo babalekiselwe kwisibhedlele saseGcuwa kwanaseTafalofefe kuCentane. 

 

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo, uthi omnye umkhweli ubalekiswe ngenqwelo-moya wasiwa kwisibhedlele saseMonti ekwimeko embi kakhulu. Ngethuba sibhala inqaku, bekungekho mntu ubhubhileyo kule ngozi.

 

Ngenyanga yeThupha kunyaka ka2015, babalelwa kumashumi amathathu anesithandathu abakhweli ababhubha ngethuba ibhasi yakwa-AB 350 igaxeleka kwingozi emasikizi isuka edolophini kuGatyana isiya kwiilali ezigudle unxweme lolwandle lwaseDwesa.