INumsa ixhalabe ngekamva labasebenzi bakwaChevrolet

 

Imanyano yabasebenzi besinyithi iNumsa, ithi ikamva labasebenzi bakwaChevrolet lingamfiliba nangakumbi emva kwesigqibo sikaGeneral Motors (GM) sokufulathela uMzantsi Afrika.

 

U-GM, inkampani eyenza izithuthi zohlobo lweChevrolet, Isuzu neOpel nenondlunkulu oseMelika, ubhengeze ngoLwesine ukuba uyalifulathela eli lizwe, kwinto ayichaze njengokuba ucinga ukuba utyalo-mali lwakhe eMzantsi Afrika alunakuba naziphumo zincumisayo.

 

UNobhala weNumsa u-Irvin Jim, uthi le manyano izakuthethana namagqwetha ayo ijonge ukuba ngowuphi umkhombandlela ezakuwulandela kule nyewe. Uninzi lwabasebenzi baseGM ngamalungu eNumsa.

 

“Bangaphaya kwewaka abasebenzi baseGM [eBhayi] kwaye amakhulu amahlanu abo bakwicandelo leChevrolet. Icandelo le-Isuzu lizakuthatha endaweni kaGM kodwa asiqondi ukuba lizakubafunxa bonke abasebenzi abakulamizi-mveliso.

 

“Iyasixhalabisa into yokuva ukuba uGM ufuna ukudenda abasebenzi. Ukumka kukaGM eMzantsi Afrika kuza kubanefuthe elibi kakhulu, hayi kubasebenzi kuphela, koko nakwezinye iinkampani ebezixhomekeke kuGM ngokoshishino,” utshilo uJim.

 

Kwesi sigqibo sikaGM ikamva leChevrolet libonakala lingacacanga kakuhle. U-GM uthi uceba ukulithengisa kubenzi-zithuthi baseMzantsi Afrika icandelo lakhe leChevrolet, engaphelanga lo nyaka, logama uthethwano lusaqhuba ngekamva leOpel kweli lizwe. Kutshanje, uGM ubhengeze ukuthengisa iOpel kwinkampani ezinze eFrance ebizwa njengePSA Group.

 

Noxa nje uGM eqinisekise abantu bakhe baseMzantsi Afrika, abangabanini beChevrolet neOpel, ukuba uzakuqhubeka nokubancedisa, uJim uthi hleze kuthi kanti ngamampunge lawo.

 

“Siza kuphanda ukuba ingaba uGM asilonyathelo lakhe lokufuna ukulahlela phaya uxanduva lweemoto zakhe esele zithengiselwe abantu baseMzantsi Afrika. Ukuba kunjalo, siza kuqala iphulo lokuthintela esi sigqibo sakhe sokushiya uMzantsi Afrika,” utshilo uJim.