EBhetelehem eMelantoni!

Ukuqala kwam ukushiya ikhaya ndisiza emlungwini ndafikela ezinkomponi zasemahashini, eMelantoni.

Kwelakuthi ngaloo mihla yayisithi yakukwazi ukubhala inkwenkwe ithunyelwe emsebenzini. Wawufikela nakuyiphi na indoda yelali yakuni, ikufunele umsebenzi.

Ngethuba ungekaqeshwa wawuhlala ngokungekho mthethweni enkomponi. Kwakungenwa ngebhanti elalifakwa esihlahleni elibonisa ukuba ungumphangeli womlungu othile kuleyo nkomponi.

Kosafunelwa umsebenzi kwakuba nzima ukuphuma nokungena, wawufihlwa ngaphakathi de uphangele.

Abafiki bexesha lam babevula iimbobo kuthango lwenkomponi, ibe ngamasango okuphuma nokungena angaziwa mntu.

Kwakukhe kufike amapolisa ngobusuku enze ugqogqo. Ayefika nilele anityhile ngokungenambeko ekhangela ibhanti, lakungabikho udibane nerifu ezimbanjeni, eyesebini itsho ezimpundu sele ubheka phaya usisibhene ukusinga ngasesangweni.

Esangweni wawufika ihagu sele iwavule aliholoholo amaduntsu, ungabuzi uzibethe phakathi ulinde abanye abaseza njengawe. Kwakuba ngusakabhe abantu bezizibhene, inja ixhwithiliza intsula yendoda ifunzwa ngezithuko.

Bambi babebalekela ezikrobeni, ngamanye amaxesha bafike sele belindelwe nalapho xa kuthe kanti eso sikrobo sikrotyelwe ngabakwantsasana, ibe lelo lishwa ke!

Ngaphandleni koko kusa, akukho ndawo kwaka kwamnandi ukuhlala kuyo ngathi kusenkomponi emahashini eMelantoni. Babeziphekela abasebenzi, bengadli ekhitshini njengokuba kwakusenziwa emigodini.

Ongaphangeliyo wayesenziwa umfazi, umsebenzi wakhe ibe kukuphekela abaphangelayo. Oko kwakuthetha ukuba akazuthenga kutya, uza kutya kwaba baphangelayo, yena abaphekele. Naxa sele ede waphangela kwakuba kuye ukukhetha ukuhlala engumfazi onge imali, ingakumbi xa esamkela imali yeefunda-msebenzi.

Ukudla kwalapho yayingumngqusho nomvubo yonke le mihla, ze ngeempela-veki kuthengwe inyama. Abelungu babesinika iintloko zeenkomo ezikrolonqwe ulwimi ngempela-veki yokuphela kwenyanga, endingazi nokuba babe zithatha phi na.

Yayininzi kakhulu ke intlonti kokuziphekela ndini. Kwakufuneka uyigade imbiza yakho ekhitshini, ungayibeki nje uyishiye, kungenjalo uza kufika ithathiwe.

Mna ndeba imbiza yomgqusho endafika ibekwe nje yashiywa, kubonakala ukuba imana iza kugalelelwa. Ndabeka eyam ecaleni kwayo, ithe ntywi ngamanzi. Ndamana ndisiya kuyikroba okomntu okroba imbiza, ndinyeke ithuba lokubhukuqela leyo ndingayaziyo kweyam.

Lithe lakuvela ithuba ndenza owenkawu ukuyibhukuqa oku, ndemka nayo ndaya kuyinongela egumbini lethu.

Wangena efutha ubawo owayekwa ngowelali yam esasithi ukumbiza nguGqoloma nekwathi kanti imbiza leyo yeyakhe, ebika ukubiwa kwembiza yakhe sisibhanxa senkwenkwe angayaziyo. Wafika eyam sele isezityeni, esiwa ngokuwa amacephe ethu.

Sammema ukuba asele egoba kunye nathi, wathi akuthintiliza kuba engafuni kudla namakhwenkwe esityeni esinye, ndathi makeze nesakhe ndimphakele. Wenjenjalo umntu omkhulu, ndamabela embizeni yakhe!

Yayinguqhelekile ukuphuma egumbini lakho ngesuti yesele ukuya emagumbini okuhlambela, nawayedibene neethoyilethi. Wawusithi uhlamba nje abe ugxa wakho echophile egulula ithumbu, kungekho nothi kwathini bekungathangani, ingekuko ukuncokola. Ndingathi sasikhululeke okwezilwanyana ebuhlanti apho. Eli gama leBhetelehem lavela ngenxa yebali lokuzalwa kukaYesu elithi wazalelwa esitalini samahashe, nathi ke sasisithi singaba kuloYesu ngokuhlala kwethu apho.

Nina makhwenkwe imirholo yenu yayigcinwa yindoda ethembekileyo yelali, ininike mhla nigodukayo. Mhlawumbi ininike nje eyokwehla, ze intsebenzo yonyaka yehle nayo ngokwayo iyo kuyinika abazali.

Naxa kukho efunekayo ekhaya kwakufuneka uye kuleyo ndoda, uyibonise incwadi evela ekhaya yandule ukukunika lowo myinge ufunekayo.

Iimpahla zokunxiba sasizithenga kanye ngonyaka, xa sigoduka, ixesha eli sasihlala ngee-ovalolo zomsebenzi. Ayevamisile ukuba neentlanti ezingaphezu kwezakumakwenu ke lawo madoda ayesigcinela imali. Goba msenge iibhokwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.