Ikomkhulu lamaRharhabe lifuna isikhululo samapolisa

INkosana uZolile Burns-Ncamashe ekunye noSekela-Mphathiswa wamaPolisa jikelele uBongani Mkhongi eQonce, kwiKomkhulu lamaRharhabeUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

ISIZWE samaRharhabe sikholelwa ukuba iilali eziliqela phantsi kobubukumkani zinganenzolo futhi kuphilwe ngaphandle koloyiko xa esi sizwe singakhelwa isikhululo samapolisa.

Oku kuvele ngethuba usekela mphathiswa wamapolisa uBongani Mkongi, ephelekwa nguMkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga, ethe watyelela ikomkhulu lakwaRharhabe eMngqesha eQonce kule veki, ngenjongo zokwakha ubudlelwane phakathi kwesipolisa neli komkhulu.

UMkongi, ephelekwa ngamagosa akhe, uthe wabamba indibano yasekhusini nekumkanikazi yamaRharhabe uNoloyiso Sandile.

Phakathi kwezinto eziphakanyiswe yile kumkanikazi, ngumsantsa okhoyo phakathi kwesipolisa noluntu lwasezilalini.

Enabisa oku, isithethi sekumkanikazi, uNkosana Zolile Burns-Ncamashe uthe: “Kufuneka siqinisekise ukuba ubupolisa buyabonakala eluntwini. Abantu akufuneki bahambe imigama emide ukufumana iinkonzo zesipolisa. Ngokomzekelo apha eMngqesha, abantu kufuneka baye okanye baqhakamshelana neDimbaza okanye edolophini eQonce ukuze babike izehlo zolwaphulo-mthetho.”

“Xa ngabana kukho isakhiwo samapolisa esilapha, oko kwakwenza ukuba kube lula ukuba umntu owenze ulwaphulo-mthetho akhawuleze abanjwe,” utshilo uBurns-Ncamashe.

UBurns-Ncamashe ubalule umba wokwebiwa kwemfuyo esithi yenye yezinto eziqhwalelisa uphuhliso ezilalini.

“Kuwo onke amalinge okuqinisekisa intatho-nxaxheba yoluntu kwiinzame zokuziphuhlisa nangokuba bathathe inxaxheba ngokufuya nangokulima, eyona nto ibonakala ingumngeni bubusela bemfuyo.

“Le nto ifuna ukuba kungabikho lusini kumasela emfuyo, kuba ayaziwa ngamagama. Ukuba uya eDikeni, uyakufika kukho amasela aziwa ngamagama. Asinakuhlala namasela, ade aziwe ngamagama neziduko. Kufuneka isela liyazi okokuba liza kuphelela apho wonke umntu olisela asebenzela khona – ejele.”

“Sikwanengxaki yeziyobisi ezigulula intswane yesizwe sakokwethu. Intsobi yomkhitha wesizwe iyagululeka kukuxhaphazeka kweziyobisi. Kubantu abashishina ngeziyobisi, kufuneka sibambisane namapolisa ukulwa lo mkhuba,” utshilo uBurns-Ncamashe.

“Isela, imigewu nemigegemba izakuva ngevumba iziqhamo zentsebenziswano esinayo namapolisa. Sifuna ukuba lo nto singayinkuntuzi. Isela, umgewu nomgegemba kufuneka bayazi ukuba apho sifike khona kuzakucaca ukuba ngubani inkunzi nomofu,” kwaleka uBurns-Ncamashe.

UMkongi uvakalise onelisekile yindlela eqhube ngayo le ndibano. Ukwathe uzakubuyela kwaRharhabe azokujonga izinto azithembise eli komkhulu, nangazidizanga kwabeendaba.

Ephawula malunga nomba wokwebiwa kwemfuyo, uNtshinga uthe lo ngumba ofumana ingqwalasela kwisipolisa sephondo.

Kusenjalo, uMkongi ukwatyelele ummandla waseBhofolo naseMthatha eqinisa amatyathanga entsebenziswano phakathi kwamapolisa noluntu.