Indlela elula nekhawuleziyo yokufumana uncedo kooMasipala

USodolophu woMasipala i-O.R Thambo uNomakhosazana Meth ekunye noVuyani Jarana wakwaVodacom eMthatha, apho uVodacom ne-O.R Tambo Municipality bebesungula iThetha Nathi AppUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UMasipala i-O.R Tambo ekunye noVodacom babhengeze ukuphumelela kwephulo labo lokwenza iinkonzo zikamasipala zifikelele lula eluntwini, eMthatha, kule veki iphelileyo.

Injongo yabakwaVodacom kukunceda bonke oomasipala boMzantsi Afrika basebenzisane lula nabantu ababaphetheyo.

Ngokusebenzisa naluphi na udidi likanomyayi, nokuba baphi, akudingeki abe umntu uye ezi ofisini zikamasipala xa enengxaki neenkonzo zikamasipala. Oku kuthetha into yokuba akudingeki ukuba umntu atsale umnxeba okanye akhwele ukuze ancedakale. Imiyalezo yabantu ifikela kumagosa aseCall Centre aze wona ayidlulisele kwabo banokukwazi ukunceda kwingxaki okuyo, ngokukhawulezileyo.

UMasipala i-O.R. Tambo ibe ngowokuqala ukuxhamla kweli cham, uyithiye igama elithi yiThetha Nathi le nkqubo, ithe yadala amathuba engqesho kumagosa eCall Centre asibhozo. Okwangoku iingxaki akwaziyo ukuzisombulula ziingxaki zamanzi nogutyulo lwelindle kuphela, uncedo lufumaneka ngolwimi lwesiNgesi nesiXhosa.

“Azakuvela amathuba engqesho, kuba kusafuneka le-APP yenziwe ngazo zonke iilwimi, isebenzisane nawo onke amasebe karhulumente kunye namaphondo nanjengokuba siqale apha eMpuma Koloni ngesiXhosa, kwiingxaki zamanzi, nogutyulo lwelindle,” utshilo uMnu Vuyani Jarana wakwaVodacom.

Le App ifumaneka nokuba kukoluphi udidi lwefowuni kwiSmart Phone okanye uQho ngepeyi (tilili), ngokucofa * *134*606# okanye udownlowude i-App (khangela * ”Thetha Nathi”) kwi-IOS store okanye kuGoogle Playstore, iyafumaneka ngesiNgesi nangesiXhosa.