UGabela Wolula Amaphiko Akhe

“Ngoyokumela iphondo leMpuma Koloni liphela ngomso ePitoli kukhuphiswano lwenkampani yakwaRed Bull Amaphiko Academy (RBAA), ndicinga ukuba kukuyokuvulela amathuba amahle kwezoshishino kubanye abantu abatsha bephondo lam.” La ngamazwi wenzalelwane yaseMount Frere esele ingumhlali eMdantsane eMonti uPalesa Gabela.

UGabela (26) waphumelela ibanga lakhe leshumi e-Ulwazi eMdantsane, uneshishini lakhe elibizwa ngokuba yiYakhi’iphupha – ejonge ukuqeqesha kwanokuphuhlisa ulutsha ngezakhono ezininzi eziquka ikhompyutha kwakunye nohlobo lokufuna umsebenzi kwanokwenza isicelo somsebenzi usebenzisa ikhompyutha.

Le ntwazana yiyo kuphela ezakube imele eli phondo ePitoli kwaye ayiwuvali umlomo, apho umntu ngamnye uzakube ethengisa esidlangalaleni ishishini lakhe ngento ayenzayo: “Into endenza ukuba ndivuye kakhulu kukuba andikholelwa ngokuchongwa kwam. Isicelo sam kolu khuphiswano lakwaRBAA, ndasifaka ngosuku lokugqibela ndandisele ndisithi indiphosile kodwa ngenxa yokunyamezela kwaye nokuzazi ukuba ufuna ntoni ebomini uye wenze ngako konke.

Okwandenza ndizivulele ishishini elincedana nolutsha kwanokuncedisa abafundi ezikolweni, ndaqaphela ukuba siyasokola kwa ukufaka izicelo zendawo ezikolweni okanye emisebenzini kuba sele kusebenza uOnline kula amaxesha. Xa uthe wasisa ngesandla isicelo sakho sijikwe ngamanye amaxesha, sibe sibethwa kukungabi nazakhono kwikhompyutha,” utshilo uGabela.

Uthi njengokuba sele eyokumela iphondo waphumelela udliwano-ndlebe olaluqhutywa yile nkampani. Uthi olu izakuba luqeqesho into engangeenyanga ezilishumi elinesibhozo eqeqeshwa ngabakwaRBAA, oko akuzukuthi kuncede yena kuphela, kwakuthi kuncede nabanye abantwana kuba kuzakuthi kudaleke namathuba engqesho. Uthi uzakuthi afumane nezixhobo zokusebenza nto leyo ibikade ingumceli-mngeni kuye. Le ntwazana ithi ibemininzi imingeni emva kokuphumelela ibanga lakhe leshumi kuba bengathathi ntweni nabazali bakhe, kodwa uthi kwelinye icala oko kwamvulela amathuba kwamkhuthaza akuzange kumtheze mandla.