Le ndoda ndiyiyo

Ndiyile ndoda ndiyiyo nje andizange ndake ndaba ndoda yimbi. Onke amava endinawo ngobudoda ngawokuba ndiyile ndoda ndiyiyo. Ndiyabukela kona kwamanye amadoda, kwaye ndifunde kuwo, kodwa amava ezo nto ngawokuba ndiyile indim indoda. Ndihlala ndisiva kusithiwa amadoda anje okanye anjeya, mna andilwazi lwawo. Enye yezinto afaniswa ngazo amadoda kukungahlambi, kuthabathela kwiziqu zawo kuse empahleni, ingakumbi le mpahla incinci.

Ukucaphula nje izinto endingazithandiyo kule ndoda ndiyiyo, ndiziyeke ezamanye amadoda. Ndikhule ndinebhulukhwe yesikolo nehempe yayo endandikwazinxiba naxa ndithabatha uhambo olusingisa ngasedolophini okanye kwindawo yempucuko; namadlakadlakani amabini-mathathu eebhulukhwe zokuhlala ekhaya. Isihlangu ndizo kubanaso ngoku sendifikisa ebukhwenkweni, yasesesikolo andabi nasimbi. Ezinye ke iimpahla ibiba bubuvilikishana njee obungacacanga nobebuvamise ukuba ibe zizinto eziwakuwaku okanye ezincinci njengoko uninzi lwazo bendizombulelwa ngabantu abohlukene. Iikawusi nemithawuzo yayizizinto zabelungu kum, ndingazicingi nakancinci xa ndicinga ngezinto endizinqwenelayo.

Le mbalana ke indenze ndangumntu ongayihoyanga impahla. Empahleni ndihoye nje ukuba ingabi mdaka kwaye ingakrazuki. Njengokuba zimbi zithengwa zimdaka ezinye zikrazukile, mna andifuni nokuzibona ezo zinjalo. Ukungayihoyi iimpahla kwam kudale ukuba uMamTolo awuthathele kuye umcimbi wokuthenga impahla. Uhlala ekhalaza ke ukuba ndiyamhlazisa phakathi kwezinye iimazi, axakwe nakukundikhomba ngokudlisela. Ishi, xa ndiyihoye ngantoni loo nto yokukhombisana kwabo ngam!

Kukho lo mcimbi wale mpahla incinci, imithawuzo neekawusi, endizithengela ngokwam ke zona. Nanjengomntu okhule ngaphandle kwayo ke, andiyihoyanga oku kokuqola! Leyo ndinayo ndiyinxiba kuphele iminyaka ukuba ayithanga izinqandele ngokukrazuka. Imithawuzo njengokuba ingafane ikrazuke ndiyinxiba ibe ngathi sisikhephe bubudala, yimbi iphume amaphiko, isale ngomtya kuphela. Asikuko nokuba yeyona nto ndikholwa yiyo ke leyo, koko ndonqena aba bantwana bathengiselayo. Use ufike beyinweba-nweba xa begqiba kuyibetha emtshinini ngathi bahlekisa ngayo, bandiqwele khona bakuba neendawo eziyiphakamisela emoyeni xa bayisongela ukuyifaka engxoweni. Lo mkhwa waba bantwana undenza ndizive ndihlubile. Umzala wam ekhetha ukuba izikhephe zam nje wonqena le ntlekisa yenziwa ngaba bantwana ezivenkileni. Kanti asiyomfihlo na le mpahla? Phofu ndifane ndibuza nje, itshiswa ngelanga esidlangalaleni ngabaninzi.

Ikawusi yona ndiyinxiba ibe nendawo endiyiqobayo phaya phambili kuba oobhontsi bengaphandle, nesithende esi sayo ndisitsalele buphantsi kwenyawo. Namhlanje ebendiyinxibile isuke yaxibilika yaza kuthi khaxa phezu kweqatha, yafumba ngathi lisandasi emfazini! Ndinaloo masandasi ke njengokuba ndibhala nje. Into endiyigadileyo kukuba linganuki qha! Hayi ke ndiyicaphukela kakhulu khe yanuka ikawusi, kunjalo nje ndiyiva zisuka. Kukho amadoda ayinxiba kubonekale ukuba inja ingayiba iyo kuyikhukhuzela kude kuba isiva ivumba lethafa, suka iliyishiye apha elo katalala lekawusi yakufika iyintsente nombilo kuphela.

Ndiyile ndoda ndiyiyo nje andizange ndayinxiba la suti yokulala nala dyasi yokuvuka. Isuti yokulala endake ndanayo kumadlakadlakana am ndandihomba ngayo. Ndiyazi mva ukuba yayisuti yokulala, kungekho namntu waka wandibuza kwendandihamba phakathi kwabo ndiyinxibile. Idyasi yokuvuka ke yona andiwuboni umsebenzi wayo, ndiyithatha njengempahla yamavila wona athatha iiyure ukuvuka. Mna ndivuka ndingene endimeni, idyasi yokuvuka ayinamsebenzi wayo kum.

Kazi sibangaphi na kule meko ndibalisa yona madoda? Ungayikhupha imfene ehlathini uyiphilise ubomi bomntu, kodwa yohla iyimfene! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba