Nka! isigwebo kowabulala intombazana yaseNkanini !

Unina kaAnelisa Dulaze, uVathiswa, ethuthuzelwa ngabahlobo emva kokugwetywa kombulali wentombi yakhe namhlanje uLwesine.

Kapa: Uthi uzakutsho afumane ukuphila ngokuba nje egwetyiwe umfana ofunyenwe enetyala lokuxhwila nokubulala intombi yakhe uVathiswa Dulaze.

Namhlanje inkundla ephakamileyo yeli phondo leNtshona Koloni, imthe nka ngesigwebo seshumi elinesihlanu entolongweni kwisityholo sokubulala, neminyaka emihlanu entolongweni kwityala lokuxhwila umfana oneminyaka engama-24 ubudala welokishi yaseMakhaza eKhayelitsha.

UMonwabisi Mbobo uthe wangena kwisivumelwano necandelo lotshutshiso nalapho aye wavuma izityholo ebezibekwa zokuxhwila, nezokubulala uAnelisa Dulaze owayene-21 yeminyaka ubudala waseNkanini kunyaka ophelileyo.

Zozibini izigwebo zikaMbobo zizakuqala ukubala ngexesha elinye, nto leyo ithetha ukuba uzakuhlala ishumi elinesihlanu kuphela entolongweni.

Umtshutshisi kweli tyala uThabo Ntela uthe “umtyholwa ubonakalise ukuzisola ngesenzo sakhe, anganakho ukuguqula isimilo kwaye ukuhlala entolongweni ixesha elide kungakwenza ukuba aluleke isimilo.”

Uqhube wathi kuba ukubulawa kuka-Anelisa kwakungacetywanga, kwaye umtyholwa ebeqala ukwaphula umthetho noko isigwebo seminyaka elishumi elinesihlanu entolongweni singamfanela.

Kwingxelo awayenzayo uMbobo wachaza ukuba wadibana noAnelisa esuka kwindawo yokuzonwabisa ze bavumelana ukuba bahambe kunye ukuya kwikhaya likaMbobo. Uthi bavumelana ukulala kunye babelana nangesondo, ingxaki yavela ngethuba ixhoba lifuna ukugoduka wabe yena uMbobo engafuni ukuba lihambe. Le ngxelo iqhuba ithi batsala-tsalana ngelingeni uMbobo walityhala ixhoba labetheka lafa isiqaqa.

Uthi uzamile ukufuna uncedo kummelwane wakhe kodwa wafika engekho nalapho wathi akubuya kulo waqaphela ukuba ixhoba alisashukumi.

Uthi waye waqhubeka esela utywala awayebuthenge endleleni ebuyayo esahamba nexhoba, bathi bakuphela waya kwindawo ekufutshane ebuthengisayo waya kuzithengela ibhotile yegrangqa, nawaqala ukuyisela kanye apho.

Uthi wathatha isigqibo sokomba kwisakhiwo esasingekagqitywa emva kwendlu kammelwane wakhe wawungcwaba khona umzimba ka-Anelisa.

UMbobo ucele uxolo ngesenzo sakhe kusapho lwakhe phambi kwenkundla emva kokuwiswa kwesigwebo sakhe.

Unina ka-Anelisa naye udize ukuba uyalwamkela olu xolo, esithi ubulela ukuba kude kwabe kwenziwa ubulungisa.