Aphazamisekile amathuba weDowns kwindebe yePSL

Thabo Nthethe of Mamelodi Sundowns challenges Ndumiso Mabena of Platinum Stars during the Absa Premiership match between Mamelodi Sundowns and Platinum Stars on 04 May 2017 at Lucas Moripe Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Iintshatsheli ze-Absa Premier Soccer league, iMamelodi Sundowns, iphinde yalahlekelwa ngamanqaku namhlanje emva kokudlala ntanganye ngo’2-2 nePlatinum Stars kumdlalo wePSL obubanjelwe eLucas Moripe Stadium. Iqela likaPitso Mosimane ligoduka neziphumo ezingancumisiyo namhlanje kanye emva kokubethwa yiBidvest Wits ngo’1-0 ekuqaleni kwale veki.

ISundowns ilawule umdlalo zibekwa nje emdlalweni, kuthe xa ingomzuzu wesihlanu uThabo Nthethe wafaka igowuli lokuqala. Ukufakwa kwegowuli kuyothusile iDikwena yatsho yenza imigudu emva koko. UNdumiso Mabena, oyingxaki kakhulu xa eshiywe engagandwanga, unkqonkqozile kwade kwakabini; ude walifumana igowuli. Kuyiwe kwixeshwa lokuphumla ebambene ngo’1-1 la maqela omabini.

Kwisigaba sesibini somdlalo, umdlali unyukele kwelinye inqanaba kwaye la maqela athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala. Ahlaselene ngamandla – kodwa yiDikwena efake igowuli lesibini ngomzuzu wamashumi amahlanu anesihlanu. Nelesibini igowuli lifakwe nguMabena emva kokunikelwa ibhola entle nguGerald Phiri. Khange iyeke ukuzama iDowns nangona bekunjalo. UPitso ukhuphe uLucky Mohomi waze endaweni yakhe wafaka uTeko Modise. UModise, uPercy Tau no-Anthony Laffor bazamile ukuhlasela amatyeli aliqela – kodwa yabe ivalile iPlatinum emva. UYannick Zakri ufake igowuli lokulinganisa elithe layinika amandla ngakumbi iDowns.

Ukungaphumeleli kweDowns kulo mdlalo kuwaphazamisile amathuba wayo okukhusela indebe ekupheleni kwale isizini. Yona iDikwena izinzile kwindawo yeshumi elinanye kwiPSL kwaye kubonakala ngathi isecicini lokuqinisekisa indawo yayo kwiPSL.


Mamelodi Sundowns: Onyango, Mashaba, Morena, Nthethe, Madisha, Zakri, Mohomi, Billiat, Laffor, Kekana, Tau.

Platinum Stars: Mzimela, Mpheta, Mlilo, Mwedihanga, Jongh, Phiri, Mkhabela, Msomi, Mere, Mabena, Ntuli.