Kufunwa abadlali bakamabonakude eMbhashe

Ungazibona sele
ukumabonakude kungekudala ukuba ungowaseDutywa, Xhorha kwakunye noGatyana.

 

Oku kulandela emva
kokuba umasipala wasekuhlaleni uMbhashe uthe waphumeza inkxaso-mali
ezakubangela ukuba ulutsha lwalo masipala ukuba luqeqeshwe kwicandelo
lokushicilela nasekudlaleni imidlalo kamabonakude. Iinzame zoku kukuphuhlisa
ulwimi lwesiXhosa kulutsha lwaseMbhashe

 

Umvelisi wamabali
esiNtu uNosabatha Ziyeka Nyumeka akawuvali umlomo kuba esithi ebomini bakhe
yayiyiminqweno yakhe ukuba avelise amabali amafutshane esiXhosa.

 

“Ndikhe ndakhona
kuGenerations ndakhona kuMuvhango kodwa bendingoneliseki ncam. Ngoku ndiyavuya
kuba kudala oku ndakunqwenela kunjalo nje ndandifuna ezakuqalwa ndim phantsi.
Into ebalulekileyo endenza ndivuye kukufuna ukukhulisa ulwimi lwesiXhosa kwaye
abasakhulayo bawazi namasiko akwaXhosa.

 

“Abantwana bethu
abayazi ukuba xa umakoti ethwele laqhiya imnyama kuthetha ukuthini, bayazi xa
ethe wombatha ixakatho kuthetha ukuthini. Sizama ukubuyisela izinto ezinjalo,”
utsho uNyumbeka.

 

Uthi bagqibe ekubeni
baze ngqo ezilalini kwabangazange babangabadlali ngaphambili ukanti nakwabo
babekhe bangabo. Bazakubakhona noosaziwayo kweli bali lesiXhosa. UNyumbeka uthi
imidlalo yesiXhosa ibifudula iveliswa ngabantu abangaluphiliyo olu lwimi.

 

Onomdla kuzakube
kuvavanywa eholweni eDutywa ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga.
Kufunwa abafana kwakunye nabasetyhini. Iminyaka iqala kumashumi amabini ananye
(21) ukuya kumashumi amane anesihlanu (45).

 

UNyumbeka ukwacela
uncedo nakubanye oosomashishini ekubeni babancedise nangokunikeza abo banako
nabo bakuxhamla nto. Uthi ngenkxaso yabo kungathi kukhule noqoqosho kwanolutsha
laseMbhashe.

Xa unomdla ungatsalela iSolezwe okanye batyelele kumasipala
waseMbhashe eDutywa ufune uNotyatyambo Mbola.