Oscar Mabuyane: Hayi egameni lam

Umfanekiso kaOscar Mabuyane ogciniweyo Wathathwa ngu: Siyanda Jantjies

Unobhala weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane ukukhalimele ukunxitywa kwezikipha ezinobuso bakhe ngamalungu eANC axhasa ugqatso lwakhe lokuba ngusihlalo weANC kweli phondo.

Oku kuza nanjengoko likhula ngesantya esingummangaliso ifuthe lenkomfa yeANC yephondo ezakunjwa ngenyanga yeKhala.


Le nkomfa izakufaka umfutho kwinkongolo yalo mbutho kazwelonke ezakubanjwa ngenyanga yoMnga.


Kugqatso lesikhundla sobusihlalo, uMabuyane uzakukhuphisana noPhumulo Masualle ofuna ityeli lesithathu njengosihlalo weANC ephondweni.

Abaxhasi bakaMabuyane bakwaxhasa uSekela-Mongameli weANC uCyril Ramaphosa logama abakaMasualle bexhasa uMongameli Jacob Zuma.


UMabuyane uthe: “Ndibone, ndingakholelwa, imifanekiso enegama nobuso bam ijikeleza kumaqonga onxibelelwano. Njengonobhala weANC ephondweni kwanelungu leANC elinembeko, ndikubona oku njengento engamkelekanga, futhi ndiyayigxeka.”

“Njengonobhala, ndinoxanduva lokujonga iinkqubo zombutho. Imiqathango yenkomfa iyakhabana nokuculwa kweengoma ezisengela abanye abantu phantsi, ukunxitywa kwezikipha ezingagunyaziswanga kwanokurhwebeshwa kwabagqatswa ngendlela engamkelekanga,” utshilo uMabuyane.

“Sicela abantu abanezizikipha ukuba bazikhwebule koku. Ukuba abayenzi lo nto siza kuthatha amanyathelo ngakubo,” utshilo uMabuyane.