Urhangqiwe umkhambathi wokugwinta izikhulu zelizwe

 

Ibutho lamapolisa eliphanda ngamatyala anobuzaza ooKhetshe (Hawks), libambe indoda ekwiminyaka engamashumi amabini anesithathu emva kokurhangqa into elikholelwa ukuba ngumkhambathi wokugwinta abo baxhamle kwibholo lokudlakatheliswa kombuso.

 

Kukholeleka ukuba abantu abakwishumi elinesithoba bebejongwe ngamehlo abomvu njengabo bakuluhlu lokugwintwa phantsi kwalo mkhambathi. Abo bakolu luhlu baquka amalungu ekhabhinethi yeli lizwe, abo basebenza kumaqumrhu karhulumente kwanezihandiba ezaziwayo zoMzantsi Afrika.

 

Isithethi sooKhetshe uBrigadiya Hangwani Mulaudzi, uthi baqale ukucupha iincoko zalo mkhambathi kwinyanga yeDwarha nyakenye.

 

UMulaudzi uthi umrhanelwa obanjiweyo ngumseki wombutho ochasene nokudlakatheliswa kombuso iAnti-State Capture Death Squad Alliance.

 

Lo kaMulaudzi uthi lo mrhanelwa ubanjelwe eMidrand eGoli ngethuba exakekile ethetha nabaxhasi ngemali yalo mbutho, ebachazela ngenkqubo ezakulandelwa ukwenza lo msebenzi wokugwinta abo bakuluhlu lalo mkhambathi.

 

Ekuphandeni, ooKhetshe bakwafumanise ukuba kukho omnye ombutho obizwa iAnti-White Monopoly Capitalists Regime. Abantu abane abasebenza kwizikhundla eziphezulu kurhulumente weli, bakuluhlu lokugwinta lalo mbutho wesibini.

 

UMulaudzi uthi amagama abo bakuluhlu lokugwintwa azakuthiwa thaca enkundleni. Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi waseGoli ngoLwesihlanu.