IKings yongamele iWaratahs, eSydney!

Lionel Cronje of the Southern Kings kicks a penalty goal during the Super Rugby Round 9 match between the NSW Waratahs and the Southern Kings in Sydney, Australia, 21 April 2017. EPA/CRAIG GOLDING AUSTRALIA AND NEW ZEALAND OUT

Emva kokuthiwa mbende lilishwa lokuphulukana nemidlalo, izolo iThe Kings ibuye ilume ongezantsi ngethuba isongamela iWaratahs ngo’26-24 kumdlalo weSuper Rugby obubanjelwe kwidolophi yaseSydney. Ngenxa yokubethwa kweKings kwimidlalo eliqela edlulileyo, kuyiywe kulo ngala maqela mabini kungekho themba lokuba ungaphunyelelwa leli qela laseMpuma Koloni.

Kodwa ithe iphela imizuzu engamashumi amabini kwisiqingatha sokuqala yabe iWaratahs iyiva iKings. Eli qela loMzantsi Afrika lilo ebelilawula ibhola kunye nomdlalo – kodwa izinto zonakelwe xa umdlali wasephikweni, uTaqele Naiyaravoro ebeka emgceni ibhola enika iWaratahs amanqaku okuqala emdlalweni. Kwangoko iWaratahs ihambe phambili ngo’12-0 emva kokuba uRob Home ongeze amanqaku. Khange kubekudala kodwa wayitshintsha lo nto uJustin Forwood ngokulala emgceni. Wongeze amanye amanqaku weKings, uMasixole Banda, emva kokulala emgceni kwathi cwaka.

Abafake amanqaku macala omabini:

Waratahs 24 (17): Tries: Taqele Naiyaravoro (2), Rob Horne, Cameron Clark. Conversions: Bernard Foley (2).
Kings 26 (7): Tries: Justin Forwood, Masixole Banda, Michael Willemse, penalty try. Conversions: Lionel Cronjé (2).