“Ulutsha maluvule amehlo kwiicawe zabemi bangaphandle”

 

UMphathiswa
wesebe lophuhliso lwentlalo yoluntu kweli phondo leMpuma Koloni, uNancy
Sihlwayi, ulumkisa ulutsha ukuba luvule amehlo kwiicawe zabemi bangaphandle.

USihlwayi
uthi isiganeko sakutsha nje esingundaba-mlonyeni somprofeti welizwe
laseNigeria, uTimothy Omotoso, otyholwa ngokwabelana ngesondo kunye
namantombazana amancinane ebandla lakhe, siyothusa.

Ebethetha
kwimbizo yenkonzo yesipolisa ebibanjelwe eDutywa kwilali yaseThaleni ngoLwesihlanu.

Injongo
yale mbizo ibijolwa ngumkomishinala wamapolisa ephondweni, uNjengele Lt Liziwe
Ntshinga, ibikukuxhobisa uluntu ngolwaphulo mthetho.

Kodwa
uMphathiswa uSihlwayi ubonile ukuba akanongaphawuli ngesenzo somprofeti
u-Omotoso otyholwa ngokwabelana ngesondo namarhamente wakhe.

Uthe
zazikhona iicawe zomoya kudala kwaye ziphilisa ngaphandle kwemilingo.

“Zazikhona
iinkonzo zomoya mandulo, kodwa ezinye kwezikhoyo ngoku zezemilingo,” uqhube
watsho.

Uthi
umprofeti u-Omotoso uyabonakala ukuba naye ebenemilingo kweli bandla lakhe.

“Lo
mprofeti kuyavakala ukuba unamabandla phantse onke amaphondo eli kuquka nalapha
ephondweni kwisixeko saseBhayi.

“Baninzi
abantu abavuka besithi bangabefundisi kwezi ntente benganyanisanga.

“Kungoko
ndisithi intlupheko mabangayivumi abantu ukuba ibaqhubele kwiindawo ezinyhasha
amalungelo wabo, kuba lo nto ithoba nesidima sabo kananjalo.

“Urhulumente
ukhona ukuba asombulule iingxaki zoluntu ndaweni yokuba ngamaxhoba,” wongeze
watsho uSihlwayi.

Imiceli-mngeni
ejongene nabantwana emakhaya kumele abazali babancedise ukuyisombulula.

Uthi
le into yehlela la mantombazana angaphaya kwamashumi amathathu webandla
likamprofeti u-Omotoso, ithoba isidima sawo kwaye izakuwenza angazithembi
ebomini.

Abazali
kumele bazithwalise uxanduva lokubazi abantwana apho bacawa khona ukunqanda
iziganeko ezikumila kunje kwixesha elizayo.

Ulebele
ngelithi uluntu malivule amehlo kubefundisi beentente ingakumbi abaphuma ngaphandle
kweli, bafika besithi bayaphilisa kanti yimilingo.

Lo
mprofeti welizwe laseNigeria, u-Omotoso, ebevele ngaphambi kwenkundla kamantyi yaseBhayi,
ze ityala lakhe lamiselwa umhla wesithathu kwinyanga ezayo ukuba kwenziwe
uphando oluphangaleleyo, emva kokubanjwa kwakhe ngooKhetshe kwisikhululo seenqwelo-ntaka
kwalapha eBhayi ngoLwesine. 

Okwangoku
usahleli elugcinweni lwamapolisa de kufike olu suku lwetyala.