Libanjelwe isatifikethi sikaGrade 12 somgunyathi iGosa lezeMpilo

Likhululwe ngebheyile iGosa eliPhezulu kwiSebe lezeMpilo eMpuma Koloni emva kokunqakulwa kwalo ziiHawks kusasa ngoLwesithathu. Eli Gosa likhululwe ngebheyile yeR30 000, kwaye liza kuphinda livele kwakhona ngomhla we30 kwakule nyanga kaEpreli.

Ngokokutsho kweeHawks eMpuma Koloni, eli Gosa lijongene nezityholo zobuqhophololo nobuqhetseba bokuvelisa isatifikethi sikaGrade12 somgunyathi.

Eli Gosa laqashwa ngenyanga kaMatshi ngo2002 njengeGosa loNxibelelwano (Communications Officer) yiofisi yeNkulumbuso eBhisho. Ingxelo ithi kwakuloo nyaka, eli Gosa laye laqashwa lisebe lezeMpilo njengoSekela Mlawuli wezoNxibelelwano (Deputy Director of Communications).

Ngokwengxelo kaWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana ithi, eli Gosa livelile kwinkundla yamatyala eZwelitsha eQonce kwangoLwesithathu.

ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni nalo likhuphe ingxelo lisithi ngenene kunjalo kwaye lithi lamkela naziphi na iinzame eziveza ucoceko ngorhulumente. Kwaye likwadize ukuba le nyewe sele ikwiiHawks kwaye sele isezinkundleni futhi kuyaphandwa.

UMajor General Mboiki Obed Ngwenya uliqhwabele izandla iqela eliphandayo leeHawks ngokungabonisi uloyika kwanomkhethe.