Kuthwa banyamalala ababebizwa njengooNocambalala kuba kwadaleka imisebenzi

Nangona uMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, kwakunye neNkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, bebencoma igxathu kwanenqkubela yokuphucuka kwanokudaleka kwamathuba engqesho kumakhaya amaninzi kweli Phondo, bona abasebenzi babonakalise ukungaxoli kwabo. Bakuthethe oku ngethuba bebeseqongeni ngoLwesithathu wale veki apho uRhulumente ebebhiyozela iminyaka engamashumi amabini ye-EPWP phantsi kweSebe leeNkonzo zoLuntu kumabala ezemidlalo iBuffalo City eMonti.

Abasebenza ngokunakekela abantu abagulayo nababatyelela kumakhaya abo nababizwa njengooNompilo, ngethuba kuthetha uMongameli eqongeni baye batsho igwijo bebonakalisa ukungaxoli kwabo. Bakhale ngelithi ingxaki kudala bakhala besiwa ngapha nangapha ngabasemagunyeni nabakwathi abazazi kanye nokuba baphantsi kweSebe lezeMpilo okanye kweleeNkonzo zoLuntu.

UThobeka Falteni weCare Health Workers eBCM nothethele abasebenzi beziThili zonke zaseMpuma Koloni eziphantsi kwe-EPWP, uthi abamameleki xa beneengxaki okanye izikhalazo benziswa irayirayi kuba iSebe lezeMpilo libathumela kweli leeNkonzo zoLuntu, bathi bafana nemigqakhwe kuba abazazi ukuba bandawoni.

“Silapha kuba sifuna ukuzazi ukuba side sibe kanti siphantsi kweliphi iSebe sifana nemigqakhwe. Sinento engapha kweshumi elinesihlanu (15) singabanye kule nkqubo kodwa asikazazi nokuba siphi sichazaphi xa sinezikhalazo,” utshilo uFalteni.

Abahlali bakwachaphazele nomba wemivuzo yabo engalinganiyo.

USekela Mphathiswa kuzwelonke uBernice Swarts wehle eqongeni wayokusabela ezi zikhalazo zabasebenzi xa ebona bephazamisa intetho kaMongameli.

USwarts uqale ngokubakhuza ngokungahloniphi uMongameli xa ethetha eqongeni emva koko uye wazinika ithuba wamamela izikhalo ezo zabasebenzi.

Uye wathembisa ngokukhawulelana nezingxaki kuba njengoko ezithathile iinkcukacha zeenkokheli ebezithethela abasebenzi esithi oku kuza kuqwalaselwa.

UMongameli uRamaphosa uthi enye yezinto etshintshe impilo yoluntu eMpuma Koloni yile nqkubo ye-EPWP ebesingayo ngoLwesithathu. Uthi kule minyaka ingamashumi amabini (20), iEPWP itshintshe ubomi bezigidi zabantu ingakumbi ulutsha. Uthi ikwankqonkqe nezakhona yadala amathuba amaninzi engqesho.

INkulubaphathiswa uMabuyane uthi ngolu suku ebezokungqina akubonileyo kwaye eyokuthetha ngakwaziyo. Uthi nababekade becambalala ezidleleni, ngoku bangabasebenzi phantsi kwe-EPWP, bayeka ukucambalala ngoba umsebenzi umninzi kwaye izakhono zixhonxiwe kubo njengoko bengasadingi nto yokwenza.

Uqhube wathi ikamva leMpuma Koloni liyakhanya nanjengoko nearhente iSANRAL idala amathuba engqesho kwaye isezakuwadala kwakhona ePhondweni.

Uthi noMphathiswa uThulas Nxesi ebeseMonti kwiveki ephelileyo notyale imali engangeR1,9-billion eza kujongana nokuxhobisa ulutsha ngezakhono.

UNkosi uMpumalanga Gwadiso ebulela ngenkqubela phambili kaRhulumente, ukwashiye umyalezo eluntwini esithi zeluhlambe ngomhla we29 kaMeyi luyokuvota ukuze kuphucuke izinto nangakumbi kweli loMzantsi Afrika.

Omnye wabathe baxhamla kule nqkubo ye-EPWP nguAndiswa Mbotshana weMasivuke eDuncan Village eMonti, abenza umsebenzi wezandla ngokuhlohla iintsimbi, bayathunga iimpahla bakwanayo negadi elinywayo.

Uthi babanenyhweba kuba indawo yaseDuncan Village yileyo igcwele ulutsha kwaye inezinga eliphezulu lolwaphulo-mthetho kwanezinga eliphezulu lentswela-ngqesho.