IMIFANEKISO – EPWP: Imibhiyozo yeminyaka engamashumi amabini

UMongameli uCyril Ramaphosa ukhokele imibhiyozo yeminyaka engamashumi amabini (20) yeNkqubo eYandisiweyo yeMisebenzi yoLuntu (EPWP) waze wasungula isigaba sesihlanu sale nkqubo kumabala emidlalo eBuffalo City eMonti.

Isigaba sesihlanu sale nkqubo kulindeleke ukuba sidale amathuba emisebenzi ukuze kuxhamle abasetyhini, ulutsha kunye namakhaya ahluphekayo.

Imifanekiso ithathwe nguAbongile Ginya.