UMagida uyalima afundise ngeedroni

UThulani Magida ngumfama ohambela phezulu ukubonisa uthando lwakhe lwezolimo eQoboqobo.

Ngaphandle kokuvelisa ukutya ngokulima, uMagida uthabathele kuye uxanduva lokufundisa amafama akhulayo ukusebenzisa idroni, isixhobo sokufota esibhakabhakeni.

Amafama asakhulayo ingakumbi amnyama asaludinga ngamandla ulwazi lokusebenzisa izixhobo ezifana needroni ukukhangela ulwazi nokuqinisa ukhuselo.

“Ndikwangumsunguli wenkampani ekuthwa yiJuta Agritech PTY LTD, ndisebenzisa umhlaba ozihektare ezingamashumi amabini,” kucacisa uMagida.

Ukuqalisa kwamafama amnyama ukungena ukusebenzisa iteknoloji efana needroni kunika ithemba lokuba ayazixhobisa amafama ngolwazi lala maxesha.

“Ndiqalise ukulima ngo2022, ndilima imifuno equka ikhaphetshu, ibhatata, ithanga, itapile, umbona kwakunye netswele,” uhambisa atsho uMagida.

Ngenxa yeenzame zamafama afana noMagida kudaleka amathuba emisebenzi ukuze kuqeshwe abantu abatsha abadinga umsebenzi kweli.

“Zininzi izizathu ezibangele ukuba ndiqalise ukwenza ezolimo, ingxaki yokuphela kwemisebenzi sesinye sezizathu ezindiqhubele ukwenza oku,” kucacisa uMagida.

Lingxamile inani lamafama amnyama akhulayo angena ngamandla kwezolimo.

“Ndenze konke oku ngenxa yokuba bendinqwenela ukusebenzisa ithuba lokuba ndidale amathuba emisebenzi, logama kwelinye icala ndijonge ukusebenzisa umhlaba ohleliyo ongasebenziyo kweli,” kutsho uMagida.

UMagida ukwakhuthaza ulutsha olunqwenela ukulima kweli loMzantsi Afrika ukuba lungoyiki ukuqalisa ukulima ukuze baphumelele. “Musani ukoyika ukuqalisa ukulima, ukuba ndandikwazile ukuqala kwangoko ukulima ngendandenzile oko, ngoko ndiyawakhuthaza amafama akuthi,” kutsho uMagida.

Uhambisa athi ezolimo zigcwele ngamathuba amahle okuphumelela kwabo bafuna ukuphumelela.