Luza kukhula uqoqosho loMzantsi Afrika, kutsho i-IMF

Uqikelelo lwezoqoqosho olwenziwe yiNgxowa-mali yezeMali yaMazwe ngaMazwe (IMF) lubonisa ukuba ilizwe loMzantsi Afrika liza kuhlala likwindawo yokuqala kumazwe aseAfrika ngokukhula koqoqosho.

Le ngxelo ithi iziganeko neenzame ezenziweyo zokukhulisa uqoqosho ziza kwenza ukuba imeko yezoqoqosho yelizwe ikhule ukusuka ekupheleni kwalo nyaka ukuya kunyaka ozayo.

Amazwe atshotsha entla kweli leAfrika okwangoku ngokuba noqoqosho oluhamba phambili, lilizwe laseNigeria neJiphethe.

I-IMF ithi imeko yoqoqosho yaseNigeria, ehamba phambili kweli laseAfrika, kulindeleke ukuba igagane neengxaki ezizakubangela ukuba ijongise imetyiso ezantsi.

Iinzame eziquka ukuvuselelwa kwamandla yombane ukuze kuphele ukucima kombane zezinye zeenzame ezibonwa ukuba ziza kuguqula imeko yelizwe loMzantsi Afrika.

Ilizwe laseJiphethe nalo likwajongene neengxaki ezinokubangela ukuwa kwemeko yezoqoqosho. Le ngxelo ihambisa ithi imeko yezoqoqosho yoMzantsi Afrika iza kuba iphucuke ngamandla ngo2027, kwaye ingadala amathuba emisebenzi amahle.

Ukusonjululwa kweengxaki zokuhanjiswa kwemithwalo kumazibuko eli kubonwa njengenye yezinto ezizakubangela ukuba ikhule imeko yoqoqosho.

Ingxaki ebikade yambethe ukuhanjiswa kwemithwalo kumazibuko aphambili kweli ibonakala isonjululwa nguRhulumente.

I-IMF iqikelela ukuba ukukhula koqoqosho kula mazwe kuza kukhokelwa kukukhula kwengeniso yelizwe loMzantsi Afrika (GDP).

Ithi le ngxelo uMzantsi Afrika uza kungenisa imali eqikelelwa kumakhulu amathathu namashumi asixhenxe anesithathu eebhiliyoni zeedola zaseMelika.

Oku kwenzeka logama kulindeleke ukuba ilizwe laseNigeria kulindeleke ukuba lenze ingeniso ebanzi yoqoqosho ekumakhulu amabini anamashumi amahlanu anesithathu eebhiliyoni zeedola zaseMelika.

IJiphethe yona kulindeleke ukuba ifumane ufunqu yamakhulu amathathu namashumi amane anesibhozo eebhiliyoni zeedola.

Iingxaki ezininzi eziquka utshintsho kwimeko yezoqoqosho kwilizwe laseNigeria zibangela ukungakhuli koqoqosho kwela lizwe. Imeko yezopolitiko engazinzanga yenye yeengxaki eziphambili.

Minyaka le i-IMF yenza uqikelelo lokuzinza nokukhula koqoqosho lamazwe ehlabathi ngelizama ukunika umfanekiso wexesha elizayo.