Luthatha lubeka usapho obeluthenjiswe ngoncedo kumngcwabo womzali ogetyengiweyo!

Abahlali beze kwisithwakumbe sokubulawa kommelwane wabo uNomvula Solani (72) kwilali iCumakala eCacadu. UMFANEKISO: KHULA COMMUNITY DEVELOPMENT PROJECT.

Nanjengoko sele kushiyeke iintsuku ezintathu kuphela kumalungiselelo omngcwabo kamakhulu uNomvula Solani (72) waseCumakala eLady Frere owabhaqwa engcwatywe kwigadi yomzi wakhe emva kokubulawa kwakhe ngokungenalusini ngabazukulwana bakhe ababini, usapho lushiyeke ludandatheke nangakumbi emva kokuphoxwa nguMasipala waseMalahleni obethembise ngokuncedisa kumngcwabo kamakhulu.

Usapho luncokola neli phephandaba kusasa namhlanje uLwesibini, luthi luva iindaba ezikhubekisayo namhlanje ezokuba akazukuba sancedisa uMasipala.

Othethela usapho uSimphiwe Nyumbeka uthi, ngokwengxelo kaMasipala xa bebeyokuqonda ngamalungiselelo, uMasipala ubaxelele ukuba kukho ilungu elithile losapho elaxelela lo Masipala ekubeni angabisancedisa kuba mininzi imibutho kamakhulu.

UNyumbeka uthi akunjalo kuba ayaziwa lo nto lusapho njengoko amalungu aphambili osapho esithi khange athethe noMasipala ngale nyewe oko yayithethwe ngethuba kusandula ukwenzeka esi siganeko kweli khaya kukho utata uPetros Majola, uceba wendawo, uMasipala waseMalahleni, iphiko lamakhosikazi kwakunye negqiza loonontlalontle elalithunyelwe nguMphathiswa uBukiwe Fanta.

I’solezwe lesiXhosa liyibonile ividiyo apho amagosa kaMasipala esithi imeko ayayibona imbi kwaye basazakuchaza kuSodolophu ngemeko le.

“Ayikho mininzi imibutho kamakhulu, mnye kuphela nozise iR10 000 kwakunye nebhokisi kuphela. Besinethemba ke lokuba zonke ezinye izinto zakuthi zikhavarishwe nguMasipala, ngoku asazi ukuba sakuqala ngaphi kuba sele limkile ixesha njengoko sele kushiyeke iintsuku ezintathu singcwabe,” utshilo uNyumbeka.

UNomvula Solani (72) ogetyengwe kwikhaya lakhe kwilali iCumakala eLady Frere (Cacadu) apho kutyholwa abazukulwana bakhe ababini.

UNomvula wabhaqwa sele onakele kwingcwabana elaligrunjwe kwakhe egadini ebhijelwe ngengubo yakhe entsha kraca. Uyangcwatywa nge27 kwikhaya lakhe eCumakala eLady Frere.

UCaptain Namhla Mdleleni wadiza ukuba umakhulu wayefakwe esikhululweni samaPolisa njengolahlekileyo ngomhla we12 kule nyanga lusapho emva kokungabonwa kwakhe lusapho ze wabhaqwa nge13 ngentsebenziswano yabahlali namaPolisa.

Emva koko kwabanjwa abarhanelwa abathathu nekuquka abazukulwana ababini kubo, uSimphiwe Solani kwakunye no-Olwethu Solani. Bajongene nezityholo zokuphanga nokubulala.

Esi sibini sisengaphakathi eziseleni nekulindeleke ukuba sifake isicelo sebheyile ngoLwesine (24 Epreli 2024) kule veki. Ingxelo ithi owesithathu owayengumrhanelwa kwaba waye wakhululwa kuba ubungqina bungamdibanisi kodwa kusaqhutyekekwa nophando.

Abamelwane bakaNomvula bathi balahlekelwe kuba ibingumntu uNomvula obengatyi omnye umntu.

UNowethu Lumko nongummelwane uthi ngethuba esenda wafikela kuNomvula elinenekazi wabe esebenza eGoli ngoko uNomvula. Uthi balahlekelwe kabuhlungu ngumntu omdala.