Inkqubo yezakhono yeR1,9-billion eMpuma Koloni!

UMnu. uThulas Nxesi nguMphathiswa weSebe leZemisebenzi eMzantsi Afrika. Umfanekiso: DEL

UMphathiswa weMisebenzi, uThulas Nxesi, uphehlelele inkqubo yokuxhobisa ulutsha ngezakhono ekuthiwa yiLabour Activation Programme ngoLwesihlanu weveki ephelileyo eMonti. Yimali eyiR1,9-billion eza kuchakwa kwiinkampani ezingamashumi amabini anesithathu (23) ezinikwe uxanduva lokuxakathiswa ulutsha lweMpuma Koloni ngezakho ezahlukeneyo.

Utyalomali olwenziwa liSebe leZemisebenzi lifike ngexesha elibi kakhulu emva kokuba iphondo lichazwe nguStats SA njengelona elihamba emva kwicala lokudala imisebenzi eMzantsi Afrika.

Abantu ekulindeleke baxhamle kweli phulo leSebe leZemisebenzi lulutsha oluqikelelwa kumawaka angamashumi amane anesibhozo (48 000).

Iinkampani eziza kwenza umsebenzi kulindeleke ziqeqeshe abantu abatsha kumacandelo ohlukeneyo – kodwa intloko yesebe ithe bakugxininisile ukuba kubekho inani eliphezulu labantu abaqeqeshwe kwezolimo kwizakhono ezikhoyo.

INkulumbuso yeMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, ilamkele ngovuyo utyalomali olwenziwe lisebe likaMphathiswa uNxesi.

“Senza iinzame ezijolise ekuthobeni izinga lentswelongqesho kwiphondo lethu. Eli phondo linabantu abaninzi abangasebenziyo. Sizamile ukulithoba iqondo kwiikota zonyaka ogqithileyo singuRhulumente.

“Ngoba indawo yethu ayiphuhlanga ngokwezoqoqosho, ukunqaba kwezakhono kwenziwa yilo nto. Kodwa sinethemba lokuba amaphulo anje aza kusinceda kukhule inani labantu abanezakhono kunyuke nenani labantu abasebenzayo,” utshilo uMabuyane owongeze ngelithi uRhulumente wephondo uza kuphehlelela elinye iphulo eliza kunika ulutsha izakhono.

UMphathiswa uNxesi uthe isebe lakhe lize eMpuma Koloni ngenyanga ekubhiyozelwa ngayo inkululeko lizokuqinisa inkqubo yokudala amathuba emisebenzi.

“Silapha namhlanje ngoba sifuna kuxhotyiswe abantu ngezakhono – kodwa okuhle ngenkqubo yethu kukuba abanye baza kuba ngoosomashishini abancinci. Lo nto ithetha ukuthi kuza kubakho ukukhula kwabantu abanezakhono kwelinye icala kuqeshwe nabantu,” utshilo uNxesi obethelele ukubekwa esweni komsebenzi weenkampani ezinikwe uxanduva.