UMalusi waseDutywa ubuye encumile kwiTCS London Marathon!

UYanga Malusi yimbaleki yaseDutywa kwiphondo leMpuma Koloni. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Emva kokuqhuba kakuhle kwiTCS London Marathon okokuqala ebomini bakhe, uYanga Malusi akawuvali umlomo ngenxa yemphatho entle abayifumeneyo. UMalusi nogxa wakhe, uMalixole Kalideni, bafumene inyhweba enqabileyo yokuthatha inxaxheba kwiTCS London Marathon ebingeCawe egqithileyo.

Omabini la mdodana aseMpuma Koloni abuyele ekhaya imisila iphezulu futhi engabaphoxanga abalandeli bawo emva kokuqhuba kakuhle kakhulu kwilinge lawo lokuziqaqambisa komnye wemidyarho yeembaleki emikhulu ehlabathini.

UKalideni ubambe indawo yokuqala kweyakhe indawo ebebaleka kuyo ngexesha eliziiyure ezimbini ezineshumi elinesine lemizuzu (2:14:27c), kanti yena uMalusi ufumene indawo yesixhenxe kwicala abebaleka kulo (2:17:34).

Ibikokwesibini uMalusi waseGwadana, eDutywa, ebaleka umgama omde ebomini bakhe – kodwa ngenxa yokuzimisela, ubuye neziphumo ezihle eNgilane. Iimbaleki zeMpuma Koloni zibuyele khaya zichulumancile kakhulu ngoba umsebenzi eziwenze eLondon uza kuzinceda njengokuba ziseza kubaleka ekhaya.

Ukuya kukaMalusi noKalideni kumdyarho obuseNgilane kweza nombutho wesisa, iKotelo Mbekeni Foundation. Nakubeni bebekulungele ukubaleka eNgilane kwa ngomhla wokuqala – kodwa bebengenayo imali yohambo.

Kuye kwanyanzeleka ukuba abantu babethe inkazathi ukuze baye eYurophu. Uhambo lwabo luye lwaxhaswa yiSlimsy naziimbaleki zeqela leembaleki ekuthiwa yi’Old Selbornians eliseMonti. Ukuya kwazo iimbaleki eNgilane kufunqule iphondo leMpuma Koloni – kodwa khange kubekho ncedo olungako oluphuma kurhulumente.

“Andazi nokuba ndingayichaza kanjani indlela endiziva ngayo emva kokubaleka eLondon. Ndingathi ukubaleka apha eLondon kundivule amehlo. Kulula ukubaleka apha kunasekhaya eMzantsi Afrika,” utshilo uMalusi phambi kokuntingela ekhaya ekuqaleni kwale veki.

“Sibaleke ngeCawe kusina imvula ebandayo – kodwa ndikonwabele ukubaleka ngoba impatho ibintle. Bekugcwele futhi siphethwe ngobubele ngokufanayo. Wonke umntu ebesixhasa futhi khange sizive ingathi sikude ekhaya. Ndingakuvuyela ukubuyela eLondon okwesibini,” utshilo uYanga obulele inkxaso ayinikwe ngabantu.