Ubusuku nje obunye noVusi Nova eMonti

UVusi ‘Snova’ Nova nekulindeleke ukuba onwabise abathandi nabalandeli bakhe nge4 kaMeyi eHemingways eMonti. UMFANEKISO: Stills By Tom

Abathandi, abalandeli kwanabaxhasi bakaVusi Nova nosele ngoku esaziwa ngelikaSnova igama, baza kuba nenyhweba yokujuxuza naye bagudlane amagxa naye eThe Venue eHemingways eMonti, kwiveki ezayo kutyelelo lwakhe olubizwa ngokuba yi-‘One Night Only with Vusi Nova and Friends.’

USnova, uzakube eqalisa utyelelo lwakhe aza kuliqhuba kweli loMzantsi Afrika ngeenjongo zokubhiyozela impumelelo yakhe. USnova uza kube eqala nohambo lwakhe ngomhla wesine (4) kwinyanga ezayo uMeyo kwiphondo lakhe lokuzalwa, iMpuma Koloni.

Umlawuli olawulayo, uLwando Njeza, kaVusi Nova and Nova Sounds uthi, obu iza kube ibubusuku obungenakuze kuphinde kulibaleke kubathandi bakaSnova. Ukungena ngaphakathi eThe Venue yiR300 ukusukela ngentsimbi yesithandathu ngorhatya amatikiti ayafumaneka kwiivenkile ezithile nakumnatha ku: https://webtickets.co.za

USnova, ubemanxadanxada uphehlelela iNova Sounds xa bekuphela uNovemba kunyaka ophelileyo, watyikityisa iimvumi ezintsha, waphehlelela icwecwe lakhe elithi, Full Circle nge23 kaFebruwari kwaye waphehlelela nenqkubo yakhe edlala kumabonakude ethi, Unprovoked, ngomhla wesibini (2) kwinyanga ephelileyo uMatshi.

Le nkqubo ethi Unprovoked imalunga nobomi bamanyani bukaSnova nedlala ngentsimbi yesibhozo (8) ngorhatya kuSABC 1.

UNjeza uthi, akazuhamba yedwa uVusi kobu busuku, uza kube ehamba neemvumi eziphantsi kweNova Sounds nesingabalula kuzo i047, Stu, Kwanda kwakunye noSsips. Aba baza kube beyidyusha bonke eMonti.

USnova uzalelwe eNew Brighton eGqeberha. Uye waduma kakhulu ngeengoma zakhe eziye zathandwa kakhulu luluntu ezifana noThandiwe, Ndikuthandile nezinye.

Le mvumi ibiyenye ethande kakhulu ongasekho uBulelwa Mkutukana obesaziwa ngelikaZahara igama, ibingomnye weemvumi ezazimasa inkonzo yesikhumbuzo sikaZahara eICC eMonti kwakunye nomngcwabo elalini kaZahara ePhumlani.