Palesa Motaung: ‘Ndiyawuthanda umhlaba’

Umfama uPalesa Motaung.

Umfama osemtsha uPalesa Motaung ukubonisa ngokwenza ukuba ngenene uyakuthanda ukusebenza umhlaba ngezandla zakhe. UMotaung ngumfama ovelisa imifuno eMgungundlovu kwiphondo laseKZN.

“Ndiyawuthanda umhlaba kungoko ndathatha isigqibo sokuba ndiwusebenzise ndivelise ukutya ukuze ndenze imali yokuziphilisa nokuzikhulisa kwezolimo,” kucacisa uMotaung.

Ngaphandle kokuba efunde wafika kwinqanaba leMasters kwezolimo, uPalesa Motaung ukwasungule inkampani ebizwa ngokuba yiAgriCool.

Umfama uPalesa Motaung.

“Ndikwasungule inkampani iAgriCool ukuze ibeyinxalenye yalo msebenzi wokulima, ndisebenzisa umhlaba ozihektare ezilishumi elinesibini, kodwa konke kuyenzeka kulo mhlatyana ungako,” kutsho uMotaung.

Amanenekazi afana naye awakuthandi nokusondela kwezolimo kuba ekhusela ubunenekazi bawo. Ukukhula kwezinga lentswelo ngqesho kubangela ukuba linyuke izinga lendlala kumakhaya amaninzi kweli.

Umfama uPalesa Motaung.

“Ndiqale ukwenza lo msebenzi ngo2018, ukusukela ngoko sitsho sakwazi ukwenza igalelo kwinkqubo yokuveliswa kokutya,” uqhayisa atsho uMotaung. Baninzi abantu abatsha abafunde ezolimo, kodwa badinga indlela yokuzenzela ikamva kokuqala amalinge okulima nokufuya.

“Ulima yenye yeendlela zokuphila ekwaziyo ukubuyekeza lowo usebenza kuyo, kodwa ifuna umntu okhutheleyo ozimiseleyo nothandayo ukusebenza,” kutsho uMotaung. Ukuncama ubunenekazi esenza umsebenzi ongacocekanga wokulima kumenza ukuba akwazi ukungenisa imali azimele.

“Kubalulekile ukuba amafama amatsha akwamkele ukufunda izinto neendlela ezintsha zokulima nokufuya, bahlukane nokusebenzisa iindlela ezinye zokwenza izinto,” ucebise watsho uMotaung.

Minyaka le urhulumente weli ukhupha iimbasa ezijoliswe ukukhuthaza amanina angamafama ngokuwanika imali ehamba nezo mbasa.

“Sityala ikhaphetshu nespinatshi, ndifunde banzi ngenzululwazi yomhlaba, kwaye ololwazi luyandinceda kumsebenzi wam wokulima, ndithengisa kwiivenkile ezinkulu zaseMgungundlovu,” utsho uMotaung.