‘Kungenzeka nantoni eKZN’

Umhlalutyi wezopolitiko uGqirha uLevy Ndou uthi ngenxa yempumelelo yombutho weMK Party kaJacob Zuma enkundleni kutshanje, kungenzeka nantoni kwiphondo laseKZN. UNdou ungqina ukuba uninzi leziganeko zeMK Party zijikeleza iphondo laseKZN apho iMK Party inabalandeli ngamanani acacileyo.

“Kukho ukuba angayiNkulumbuso yela phondo uZuma, okanye umbutho wakhe uhlale kwindawo yesibini ngokwamani kunyulo oluzayo ngenxa yenkxaso anayo, kungenzeka nantoni eKZN,” kucacisa uNdou.

Oku ukuthethe emva kokuvakala kweendaba zokuba inkundla ephakamile eThekwini igwebe ngakwicala leMK ngelithi mayiqhubeke isebenzisa igama layo kwakunye nophawu loMkhonto weSizwe.

I-ANC ngomlomo kaFikile Mbalula ibifungele ukuba iza kumnqanda uZuma neMK Party yakhe angasebenzisi imibala, negama kwakunye nophawu woMkhonto weSizwe.

“Siza kwenza konke esinako ukuqinisekisa ukuba sikhusela izinto ezililifa lombutho weANC, oko kuquka igama nophawu oluhambelana nenkcubeko yethu siyiANC,” watsho uMbalula.

Umbutho weMK Party ukhula ngokungxamileyo kwiimbombo zonke zelizwe, kodwa uhambela phezulu ngamandla kwiphondo laseKZN.

“Ukuphumelela kweMK Party kubonisa ukuba ngenene amahlathi aphelile, ayaphela ngamandla kulo mbutho weANC ngokukodwa kwidabi labo elijoliswe ukunqanda uZuma,” kutsho uNdou.

Iphondo laseKZN lihamba phambili ngamanani wabavoti kuzwelonke, ngoko yonke imibutho ephambili kwezopolitiko ifuna ukufumana iqhekeza layo eKZN.

I-IFP, ANC, EFF kwakunye neDA izimisele ukwenza ezibukwayo ngokufumana inkxaso ephezulu kwela phondo laseKZN.

“UZuma uyakwazi akwenzayo kwela phondo laseKZN, uqinisekile ngenkxaso yakhe kubantu bela phondo, ngoko ke ukuphumelela kwakhe kwesi sihlandlo enkundleni kwenza ukuba ngenene umhlaba wehlele kuye,” kucacisa uNdou.

Ngethuba lokukhokela kukaMongameli uThabo Mbeki inkxaso yombutho weANC yehla kwiphondo laseKZN nakwamanye amaphondo.

Ngexesha lokuphatha kukaZuma yakhula inkxaso yeANC eKZN ngento eqikelelwa kwisigidi sabantu abathi babuyela kwiANC.

“Kukho ukuba iMK Party le isebenzisane nomnye umbutho ukulawula iKZN, okanye ayiphathe ngokwakhe eyedwa uZuma iKZN, isemandleni kakhulu indlela aqhuba ngayo umkhankaso wakhe,” kutsho uNdou.

UJabulani Khumalo wombutho weMK Party uthi abanakuphinda bajonge emva koko baza kuya phambili emva kwale mpumelelo.

“Ayikho into egwenxa esiyenzileyo thina siyiMK Party, kuphela nje sicela sibongoza abantu ukuba basixhase sikhuphe la madoda elulawulweni,” kutsho uKhumalo.

Kukho iingxelo zokuba umbutho weANC uza kukhupha iintonga zawo ezise mgqubeni ukuba zincedise ukukhankasela lo mbutho wakudala.