UKhaka waseXesi wenze imbali kwiqakamba yaseMzantsi Afrika!

Ayabonga Khaka ngumdlali weqakamba odlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umdlali weqakamba, uAyabonga Khaka, wenze imbali ngokuba ngumdlali wokuqala omnyama odibanise ikhulu lemidlalo kwiqela lesizwe leqakamba. Le ntokazi yaseXesi idibanise ikhulu layo emdlalweni obuphakathi koMzantsi Afrika neSri Lanka kwiveki ephelileyo. Akwenzileyo uKhaka yinto enqabileyo ebantwini abamnyama. Kodwa ngoba yinto awakhula nayo ukusukela esikolweni sakhe. UKhaka, 31, ufince ikhulu lemidlalo ngoba ungumdlali obalulekileyo weqela lesizwe. Ngoku unoothinti abangaphezulu kwekhulu elinamashumi amabini anesihlanu ngoba ungumdlali ozimiseleyo.

Wakhetha ukujula iqakamba esakhula ngoba yeyona ndlela elula phakathi kwamakhwenkwe esakhula ngoba yayinguye yedwa intombazana edlala iqakamba. Ekukhuleni kwakhe ukhe wadlala ibhola ekhatywayo – kodwa waphinda wabuyela kwiqakamba. Nguye kuphela umdlali oyintombazana ofikelele kwikhulu loothinti, ulandela ekhondweni labantu abafana noMkhaya Ntini noKagiso Rabada abadlalela iqela lesizwe lamadoda. “Enyanisweni, mna ndingumdlali nje weqakamba,” utshilo uKhaka phambi komdlalo wakhe wekhulu.

Njengomntu okhule elandela iqakamba, uKhaka akakwazi ukhuthazwe ngumsebenzi wabantu abafana noNtini. Isizathu esibangela kube njalo kukuba uNtini ngoyena mdlali olikhalipha omnyama, odlale kwixesha lenkululeko – kodwa othubeleze ebunzimeni esenzelwa amayelenqe aphantse abulala igama lakhe. “Ndikhule ndijonge abadlali abafana noMakhaya Ntini ngoba ngoyena mntu osuka kwindawo esikhulele kuyo nam. Yena uRabada usengumdlali osakhulayo – kodwa umsebenzi wakhe mhle kakhulu. Ndiyavuya ukuba yinxalenye yabantu abanjalo,” utshilo uKhaka.

Ukuba izinto zihamba kakuhle, abantu baseMpuma Koloni bangafumana ithuba elinqabileyo lokubukela itumente yehlabathi ngonyaka ka2027 kufutshane. Kwiindawo ezisibhozo eMzantsi Afrika eziza kusingatha imidlalo yeqakamba, iGqeberha neMonti ziza kusingatha eminye imidlalo. Sekuqinisekisiwe ukuba imidlalo iza kudlalelwa eMpuma Koloni. Lo nto ingabanceda abadlali abasakhulayo abafuna ukufana nooKhaka badlale benethemba lokugudlala ngemihlana nabantu ababathandayo.