UNomeva uza kubuyela eMelika kungekudala

Nangona ephululekene nemilo emithathu ilandelelana – kodwa uXolisani “Nomeva” Ndongeni akazimiselanga ukunikezela esenawo amandla. Oku kuvakaliswe nguye ngethuba ethetha kwiSA Boxing Talk kutshanje. Sekulithuba izinto zingamhambeli kakuhle uNdongeni eqongeni lamanqindi. Nakubeni kukho ukukhubeka uthi amandla usenawo futhi usenethemba lokuba yintshatsheli kwakhona. Emlweni wakhe wokugqibela, uNdongeni ubethwe nguRaymond Muratalla waseMelika kulo nyaka.

UNomeva ukholelwa kwelokuba uyimbethimanqindi ebhetele futhi ucinga ukuba wambetha uMuratalla emlweni obukwinyanga yoKwindla – kodwa wazamkela iziphumo ezathathwa ngabagwebi abathi ubethiwe. “Ndazama ukuphumelela eMelika futhi ndandiziva ukuba sendiza kumwisa. Kodwa ke uyimbethimanqindi ekrelekrele yena. Abagwebi bathi nguye ophumeleleyo nangona ndingayikholelwa lo nto. Nokuba iziphumo zazinjani ke kodwa, kwakufanele ndizamkele ngoba ziphuma kwiijaji zomlo,” utshilo uNomeva.

Okumxolisayo ngala mlo uthi kukuba abaqeqeshi bakhe boneliseka yindlela awasebenza ngayo eMelika. “Ndinethemba lokuba la mlo uza kundivulela amanye amathuba amahle okulwa eMelika. Ndaya phaya ndisazi ukuba kufuneka ndiphumelele. Ndazama ke kodwa noxa ndaphulukana nawo umlo. Okuhle kukuba ndiza kuphinda ndibonakale eqongeni laseMelika,” utshilo uNomeva kwiSA Boxing Talk. Iinkcukacha ezifana neegama lomntu aza kulwa naye azikapapashwa – kodwa yena uqinisekisile ukuba uza kulwa eMelika kwakhona.

Uza kuya emdlalweni olandelayo encediswa ngumanqanqa womqeqeshi wamanqindi, uColin Nathan. Phambi kokuba afumane umlo osemgangathweni ophezulu, kufuneka uNomeva aphumelele umlo emva kokubethwa kathathu imilo ilandelelana. Ucinga ukuba xa kudibana uNathan noMzamo Njekanye kungaphuma into ibonwe ngamehlo. “Kuyandivuyisa ukubona kukho abantu abafuna ukundinceda. UColin neBig 5 Promotions zizimisele ukundibeka kwindawo endiyifunayo. Ndiyayibulela kakhulu lo nto ngoba bendingayilindelanga lo nto,” utshilo uNomeva odibanise imihlambi eyalanayo.