Likhona ithuba lokungena kwiTop 8, Chippa United!

Emva kokuqokelela amanqaku amathathu ngempelaveki egqithileyo, iChippa United inyuke yayokuthi ngcu kwindawo yesibhozo kwiDStv Premiership. Oku kwenzeke emva kokuba iChippa United yothuse umzi ngokubetha iSuperSport United ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium. Amagowuli ephumelele ngawo iChippa afakwe nguBienvenu Eva Nga noSinoxolo Kwayiba. Emva komdlalo, uKwanele Kopo uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo.

Ibikokwesithathu iChippa United iphumelela imidlalo ilandelelana kungafakwanga gowuli kuyo. Ukudlala kwayo kakuhle ngunozala womsebenzi omhle owenziwa nguKopo nogxa wakhe uThabo September abambisene naye. Bekubalulekile ukubuya namanqaku apheleleyo ePitoli ngoba uMnu. Siviwe Mpengesi wabanika umsebenzi wokuqinisekisa ukuba iChippa United ayithotyiselwa ekupheleni kwesizini. Ithemba lokusinda ezembeni likhona ngoba iqela laseMpuma Koloni seliqokelele amanqaku angaphaya kwamashumi amathathu.

Noxa isizini ingekavalwa – kodwa into ekufanele iyilwele ngoku yindawo kwiTop 8. Ethetha ngomdlalo ogqithileyo, uKopo uvumile ukuba umdlalo ubunzima. “Umdlalo ubunzima ngoba iSuperSport ibizama ukuphumelela emva kokuphulukana nemidlalo egqithileyo. Emva kwemizuzu elishumi elinesihlanu, sikwazile ukuzinza nokudlala kakuhle emdlalweni. Bathe bawukwenza iimpazamo, safumana igowuli. Besisazi ukuba baza kudlala bephantsi koxinizelelo kwisigaba sesibini ngoba besihamba phambili,” utshilo uKopo.

Njengokuba kushiyeke imidlalo emithandathu, kukuyo iChippa ukuba ilwela nje ukusinda ezembeni okanye ukungena kwiTop 8 eza kuyinika ithuba lokudlalela indebe xa kuvulwa isizini ezayo. “Besifuna ukuqokelela amanqaku ngoba iChippa isoloko isengxakini xa kuphela isizini. Ngoku lo nto isecaleni singaqala ukwakha iqela. Ukwazi ukuyenza lo nto xa ukhululekile njengangoku. Iziphumo zanamhlanje zisinika ithuba lokwakha iqela,” utshilo umqeqeshi weChippa eza kudibana neSwallows phakathi evekini.