I-ANC iza kubhena emva kwesinye isicelo esingaphumelelanga

I-ANC iza kubhena emva kwesinye isicelo esingaphumelelanga.

Umbutho weAfrican National Congress (ANC) awuzange uphumelele kwiphulo lokuthintela umbutho woMkhonto weSizwe (MK Party) ekusebenziseni igama kunye nephawu eyayanyaniswa nephiko lawo langaphambili lomkhosi.

Umbutho weANC uye enkundleni ukuba unqande owayesakuba nguMongameli wawo, uJacob Zuma, ekusebenziseni igama nophawu, ngelithi lilifa labo lembali.

Ngelixa umbutho weMK Party ubuphikisa ngelithi iANC ayinasihlahla kulo mba.

Ekuseni namhlanje, ngoMvulo, iNkundla ePhakamileyo yaseThekwini iye yakhetha icala leMK Party kwisigwebo sayo kulo mba. Oku kuthetha ukuba iANC iphinde ayaphumelela enkundleni kwityala ngakwiMK Party.

INkundla ePhakamileyo yaseThekwini iyichithile inzame yeANC yokunqanda umbutho kaZuma ukuba ubizwe ngokuba nguMkhonto weSizwe, neligama leqela lephiko layo lomkhosi ngexesha localucalulo.

Inkokeli yethutyana yeMK Party, uJabulani Khumalo, uthi bangqinelwe ukuba abanatyala. “Namhlanje sonwabe kakhulu kwaye sifuna ihlabathi lonke lazi ukuba siphumelele kwaye iANC ibethwe ngezabhokhwe kwaye bayayazi.

Kwinyanga ephelileyo, iANC ayizange iphumelele kwiphulo lokuba iMK Party irhoxiswe njengombutho wezopolitiko.

Nangona kunjalo, iANC ithe bazokulwa kube mdaka iisali.

UNobhala Jikelele weANC, uFikile Mbalula, utyhole ijaji yetyala ngokugxila kwezopolitiko kunobungqina obuphathelele kubunini boMkhonto weSizwe ngethuba ethetha kwinkomfa noonondaba.

UMbalula uthi umba wophawu kunye noMkhonto weSizwe ungaphaya konyulo.

“Sixoxa ngomba wophawu, hayi ipolitiki le ithethwa yijaji. Ijaji ayingomntu wezopolitiko, kufuneka aphume kwezopolitiko, simnike ulwazi oluchanekileyo.

“Ezi zinto azifani, asixabanisi iMK neANC. Sithi iMK yeyethu, nantsi into engqina ubunini, akabhekiseli kulo nto kwisigwebo,” utshilo uMbalula.