Bathathu ababhubhileyo ngenxa yezinyoka!

Bathathu abantu abaphulukene nobomi babo kummandla waseGqeberha ngenxa yombane okokotelwa ngomgunyathi, eso sithathu ngamabhinqa amabini aphakathi kwama18 ukuya kuma24 eminyaka ubudala ababhubileyo kwakunye nendoda enama26 etshowukhwe ngumbane isazikokotelela kwikhaya lalo eliseGreenbushes.

Ingxelo ephuma kuCaptain Andre Beetge ithi, kuMgqibelo esisuka kuwo umhlali uve kukhonkotha izinja ekuzeni kusa ngezithuba zentsimbi yesibini, xa ekroba gqi phezukwendlu ngexhoba sele libhubhile kwaye ezandleni kulo lineentambo zombane.

UBeetge uthi iqwakuqwaku livuliwe kwisikhululo saseKabega Park.

Kusenjalo, kwangolusuku lunye phambi kwentsimbi yeshumi ebusuku kwabhubha intombazana (24) eRabbie Village eWells Estate, emva kokuba nayo ibambe iintambo zombane yatshowukhwa yabhubha.

Iqwakuqwaku nalo livuliwe kwisikhululo saseSwartskop.

Elesithathu ixhoba yintwazana (18) ebhubhe ekuseni ngeCawa ngethuba ihamba neetshomi zayo eBooysen Park xa ibizama ukutsiba iintambo zombane yabhubha kwangoko. Ingxelo ithi, omnye weetshomi zakhe izamile ukumhlangula kodwa yakubona ukuba uyabhubha ugxa wakhe wabhekela. Iqwakuqwaku livuliwe eSAPS Chatty.

AmaPolisa abongoza uluntu ekubeni luhambele kude kwiintambo zombane kuba zinobungozi kwaye kwanabo basebenzisa umbane womkokotelo izinyoka bahlukane nalomkhwa kuba uyingozi kwakubo.