Enza kakhulu amanina kumazantsi weAfrika

UAlice Letata ngumfama oneminyaka engamashumi amabini anesithathu kuphela, kodwa wenza izinto ezibukwayo kwiingxingwa zaseLesotho elima imifuno.

Lo mfama uthi indlela akhule ngayo yenze ukuba akubone ukulima nokufuya njengesisombululo kwiingxaki eziquka indlala nentswela ngqesho.

“Ndikhulele kwikhaya ebelilima kakhulu, ukulima nokufuya bekusisithethe ekhayeni lam, oko kwenze ukuba ndibone ikamva nobomi kwezolimo,” kutsho uLetata.

Ngenxa yolawulo oluhexayo kwiinkokheli zelizwekazi leAfrika okuquka namazwe akumazantsi weAfrika, abantwana baseLesotho bashiya amakhaya bekhangela impumelelo.

“Injongo yam ephambili kukuba kuvuleke amathuba emisebenzi kubantu abatsha nabanye abantu abadinga amathuba kwilizwe laseLesotho,” kutsho uLetata.

Baqikelelwa kwisigidi abantu baseLesotho abashiya ela lizwe bekhangela amathuba angcono kumazwe afana noMzantsi Afrika.

“Ndifuna ukuqinisekisa ukuba umsebenzi wam uyakhula, injongo kukuba kuphume amanye amafama kum azakuthi nawo azimele avelise, athengise,” kutsho uLetata.

Ukukhula kwezoqoqosho kwilizwekazi laseAfrika kuxhomekeke kwiinzame zokulima ezifana nezi zenziwa nguAlice Letata namanye amanina azama ukulima.

“Ukunqongophala kolwazi ngeendlela nezinto zokulima yeyona ngxaki sijongene nayo kumazantsi weAfrika, iinkokheli kooRhulumente ziyazama kodwa kufuneka kwenzeke ngaphezulu,” uhambisa atsho.

Uninzi lwabantu abashiya amakhaya besiya kumazwe aseYurophu naseNtshona baphuma kumazwe aseAfrika.

“Kulutsha ndicela ukuba baqalise ukuzithemba, bakhangele into abanokuyenza ukuze bakwazi ukuphila nokuphilisa abanye abantu abatsha noluntu ngokubanzi,” kutsho uLetata.

Uhambisa athi umhlaba mninzi eLesotho, kodwa abantu abatsha baseLesotho bayalishiya ela lizwe bekhangela amathuba.