Aluxolanga usapho lwenkwenkwana erhaxwe lilindle yabhubha!

Unenceba Mboteni (3) orhaxwe wabhubha kwithoyilethi esesikolweni sakhe eLittle Champions kwaNU 6 eMdantsane.

Yinkwenkwana eneminyaka emithathu (3) egama lingu-Unenceba Mboteni erhaxwe lilindle yabhubha ibhubhela kwisibhedlele iFrere eMonti, emveni kokuba ithe yangena kwindlu yangasese isesikolweni sayo iLittle Champions Day Care kwaNU 6 eMdantsane.

Usapho lukaUne ngokohlobo ebebizwa ngalo lusapho lwakhe, luthi u-Une uphume kule ndlu yangasese isisu sisikhulu okungathi sakugqabhuka. Abazali bathi bafuna ubulungiswa kuba bathi oku kubangelwe kukungakhathali kweetitshala esikolweni.

ULoyiso Mboteni ongutata womntwana uthi amandla kwanenthemba lokuba umntwana wakhe uzakulenza ixesha ngethuba esesibhedlele aphele xa ugqirha esithi kubo mabahlale phantsi akuva ukuba bangabazali bomntwana.

“Ndoyike kwalapho xa kuthwa masihlale phantsi, ugqirha wabe esixelela ke ukuba oko kuzanyanwa nomntwana ubusuku bonke. Esithi ugqirha into embethileyo umntwana wam kukuba imiphunga yakhe ibisele igcwele le ncindi kwaye nentliziyo kwabanzima ukuba impompe igazi iminxene. Wabe sele esitsho ukuba akasekho umntwana usishiyile emva kwamatiletile okumhlangula,” utshilo uMboteni.

Umntwana utshone kule thoyilethi ngoLwesine kwiveki ephelileyo. UMboteni uthi ngokwengxelo katitshalakazi womntwana uthi, uthe akuqaphela ukuba akakho phakathi kwabanye abantwana uye wazulazula ekhangela iyadi yonke yesikolo akambona wacinga ukuba makakhe aye nasethoyilethi nathi ubone amaqampu kwilindle eli ngaphezulu okubonisa ukuba kukho umntu ngaphakathi. Ingxelo iqhuba ithi, utitshalakazi womntwana ukhalile ekhwaza uncedo.

ULoyiso Mboteni ongutata womntwana orhaxwe wabhubha etshone kwithoyilethi esesikolweni sakhe kwaNU 6 eMdantsane, apha ume namalungu akhe osapho kwikhaya labo eMooiplus. UMFANEKISO: PETROS MAJOLA.

“Ithoyilethi eziseloluhlobo edolophini zenzani ezikolweni ingakubi ebantwaneni abancinci. Ngunyaka wesibini lo u-Une efunda kule kretshi kwaye uyaziwa ngootitshala ayingomntwana ufikayo kunokuthwa mhlambi ebengayazi ukuba kwenziwa njani uyafika okanye ebelityelwe,” utshilo uMboteni.

Ukwathi oku kuphakamisa amashiya kuba umntwana angayicinga njani eyokungena wonke kumngxunya wethoyilethi. Usapho luthi abasemagunyeni mabaphande koko bona bafuna iimpendulo nobulungiswa ngosana lwabo.

U-Une uyangcwatywa ngoLwesihlanu kowabo kwilali yaseDiphini eMooiplus. Kubantwana abane (4) ebazalini babo ungumntwana wesine (4) wokugqibela.

ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni likhuphe ingxelo apho lidlulisa amazwi ovelwano kusapho lomntwana.

UMphathiswa uFundile Gade uthi esi siganeko senzekileyo sokubhubha komntwanana omngaka siyadandathekisa, hayi kusapho lomntwana kuphela kwiphondo liphela.

Ukusukela ngoMvulo kule veki, iSebe liza kutyelela kwisikolo esi nalapho liza kunika inkxaso yoluleko kwabo bachaphazelekayo nabasondele enxebeni.

Ukububha komntwana ingxelo ifikile emapoliseni aseMpuma Koloni. UColonel Priscilla Naidu uzingqinile ezi ngxelo kwaye uthi iqwakuqwaku livuliwe ngamapolisa.