Lixesha lokutyala ikofu mafama

Kwilizwekazi leAfrika nakwezinye iindawo zehlabathi eli lixesha lokutyala ikofu kumafama alima ikofu. Ikofu le sesinye seziphungo ezithandwa kakhulu luluntu kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi.

Kuvukwa kusasa kumakhaya ngamakhaya kuvukwa kuqalwe usuku ngokuphunga ikofu eshushu ukuzivuselela.

Abo basemisebenzini nabo banikwa ixesha lokuba baphumle ukuze bafumane ikomityi yekofu efudumezayo.

Mhla nengqele ikofu ihlala incedisa ukufudumeza abo bayiphungayo. Kukho neengxelo zokuba ikofu ivuselela umzimba emva komsebenzi wosuku olude.

UMzantsi Afrika awaziwa njengelinye lamazwe avelisa ikofu kwizwekazi laseAfrika. Kumazwe ahamba phambili ngokuvelisa ikofu eAfrika ungabalula ilizwe laseTopiya.

ETopiya kuveliswa iindidi ezininzi ezahlukeneyo zekofu nezithi zithunyelwe ngokuthengiswa kumazwe amaninzi ehlabathi. Imveliso yekofu idlala indima enkulu ukudala amathuba emisebenzi kwiindawo ezininzi kweli laseAfrika, oku kunegalelo kwimeko yezimali yamazwe aseAfrika.

Liphondo laseMpumalanga nephondo laseKZN kuphela avelisa ikofu kweli loMzantsi Afrika. Ngumhlaba ongangeehektare ezingamakhulu amabini kuphela ovelisa ikofu kweli loMzantsi Afrika udibene. Ngenxa yoku iqikelelwa kumawaka amabini eengxowa ikofu eveliswa nguMzantsi Afrika, ubunzima bayo buqikelelwa kumashumi amathandathu eekhilogram.

Idolophu yaseDurban kwiphondo laseKZN yeyona ndawo ifanelekileyo kweli loMzantsi Afrika ukuvelisa ikofu. Ukukhula kwemveliso yekofu kungenza ukuba kukhule ingeniso yezolimo kwimeko yoqoqosho yelizwe loMzantsi Afrika.

Ubushushu obufumaneka phantse unyaka wonke kwiphondo laseKZN kwenza ukuba ela phondo libe yeyona ndawo ifanele ukutyalwa ikofu kweli.

Kungenjalo, ikofu ingatyalwa ngokusebenzisa ubuqili balamaxesha obufana nobuchwepheshe ngokuthi kwenziwe izinga lobushushu nokufuma okanye ubumanzi obufunekayo.

Ikofu sele ineminyaka emininzi iyinxalenye yempilo yabantu beli loMzantsi Afrika neAfrika ngokubanzi. Uninzi lwekofu esetyenziswa apha isuka kumazwe angaphandle aquka amazwe aseAfrika afana neTopiya.

Ukukhangela ulwazi nokufunda banzi ngekofu kungenza ukuba amafama weli ongeze iimveliso zawo ngokuvelisa ikofu.