AmaSomali ahlasela amanye amaSomali

 Amapolisa aseMpuma Koloni athembise ngokuba azakuwusiphula neengcambu umkhwa wamaSomali asebenzisana noonqevu beli ukuhlasela amanye amaSomali.

 

Oku kuvele ngethuba amapolisa ebambe abarhanelwa abalithoba kuquka kubo nomfo waseSomali ngokuphanga usomashishini waseSomali kwisiphambuka sakuKwaaiman eMqanduli. 

Lo somashishini uphangwe ngethuba esuka kuthenga iimpahla zevenkile yakhe kwidolophu yaseMthatha.

 

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa ephondo uKhaya Tonjeni, amapolisa ala mmandla abone indoda enye erhanelekayo eLuthubeni kude kufuphi nakuKwaaiman bayimisa,  bafika inompu kuyo kwaye bayincwina,  nalapho iye yakhomba nabanye ebisebenzisana nabo ekuphangeni. Abanye bafunyenwe kwindlela ejonge kwidolophu yaseNgcoboo beyokuphanga ivenkile eyaziwayo eNgcobo.

 

“Ababini kwaba barhanelwa bayanyaniswa namatyala okuphanga ivenkile yakwaBoxer eMqanduli kwakunye neyakwaSpar eMthatha ekuqaleni konyaka. Kubo bafunyenwe beneemoto ezimbini uhlobo lweBMW ebomvu kwakunye neCorolla emhlophe,” utshilo uTonjeni.

 

Umkomishinala wamapolisa ephondweni Lt General uLiziwe Ntshinga usikhalimele esi senzo, esithi nabo bangekabanjwa bazakubanjwa kungekudala. Sinalo ulwazi olupheleleyo ekubeni la maqela oonqevu asebenza njani, kwaye abenzi boku abangekabanjwa balumke siyeza kubo.”


 Abarhanelwa kulindeleke bavele kwinkundla zamatyala aseMqanduli kungekudala ngezityholo zokuphanga. Baphakathi kwama-22 eminyaka ukuya kuma-47 ngeminyaka ubudala.